Ibhasi yakwaGreyhound ebibandakanyeke kule ngozi.
Image: ECDoT
Umntu omnye ubhubhile, abanye abangamashumi amathathu anesibini (32) bonzakele kwingozi yemoto ebiphakathi kwebhasi yakwaGreyhound kunye neVW Tiago eMpuma Koloni.
Le ngozi yenzeke ngobusuku bangoLwesibini malunga necala emva kwentsimbi yeshumi ebusuku, kufutshane nje nenyoba iPenhoek Pass kuhola wendlela uN6 phakathi kweKomani neJamestown.
Isithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi unobangela wale ngozi uyaphandwa.
Uthi omnye umkhweli okwimeko emaxongo uthunyelwe kwisibhedlele iFrontier Hospital kuKomani ukuze afumane unyango.
UBinqose uqinisekise ukuba umntu obhubhileyo ngumqhubi weVW Tiago obevaleleke emotweni – abanye abakhweli abangamashumi amathathu ananye (31) abavumanga ukusiwa esibhedlele, utsho.
ISebe lidlulise amazwi ovelwano kusapho lomfi.
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu ephondweni, uXolile Nqatha, umemelela bonke abasebenzisi bendlela, ingakumbi abaqhubi beemoto, ukuba baqaphele kwaye balumke kakhulu [ezindleleni] kwaye bancedise ukunqanda iingozi ezinokuphepheka ezifana nokungqubana kweemoto, utshilo uBinqose.