INkulumbuso yeMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane ethetha kumsitho wokuphehlelelwa ngokusesikweni iphulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu elichasene nobundlobongela obujoliswe kumanina nabantwana.
Image: ECOTP / Uthunyelwe
INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, ugxininise ukuxhotyiswa kwezoqoqosho njengendlela yokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini nokubulawa kwabasetyhini (GBVF) ephondweni.
Ubalule oku ngentsasa yangoLwesibini ngethuba kuphehlelelwa iintsuku ezilishumi elinesithandathu zokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana eNgcobo. UMabuyane uthe ukuphelisa iGBVF urhulumente wephondo uzakube ephumeza iinkqubo ezahlukeneyo.
Uthe iqumrhu lophuhliso laseMpuma Koloni (ECDC) liza kuba namaxesha akhethekileyo okanye iintsuku zokuxhasa ngemali abasetyhini. Ukwathe baza kuxhasa amashishini aphethwe ngabasetyhini kwezolimo, kwezemveliso nezokhenketho.
"Siza kuphumeza inkqubo yokuthengwa kweempahla kwiinkampani ezikhokelwa ngabasetyhini kunye nokwandisa iinkqubo zeSebe leMisebenzi yoLuntu sibeka phambili amanina amatsha," utshilo uMabuyane.
Abantu abebezimase ukuphehlelelwa kweli phulo leentsuku ezilishumi elinesithandathu eNgcobo.
Image: ECOTP / Facebook
UMabuyane uthi urhulumente wephondo uza kugxila nakwimfundo nophuhliso lwezakhono. Uthe baza kuba neebhasari zabantwana abangamantombazana abafunda izakhono ezinqongopheleyo, babe nentsebenziswano neekholeji zeTVET kuqeqesho lwedijithali, nobugcisa kwakunye neenkqubo zoqeqesho lwenzululwazi, ubuchwephesha, ubunjineli, nezibalo (STEM) ezijoliswe kubantwana abangamantombazana abasahamba isikolo.
INkulumbuso ikwakhankanye amaphulo okhuselo loluntu kunye nokhuseleko lwabasetyhini nabantwana, afana neenkqubo zokwazisa ngeGBVF ezisezikolweni kunye neenkqubo zezakhono zobomi kwakunye neenkqubo zesondlo nezococeko kuzo zonke izikolo zasemaphandleni nasezilokishini.
"Ezi nkqubo ziqinisekisa ukuba iphondo lethu alikhuseli abasetyhini namantombazana kuphela kodwa likwadala iindlela zenkululeko yezoqoqosho nokuzimela, ezingundoqo kukhuseleko kwiGBVF," utshilo uMabuyane.