UDuduzile Zuma-Sambudla uyaziphika izityholo zokutsala amadoda ukuba aye kulwa eUkraine esebenzisa inkohliso ekunye nabanye ababini.
Image: Tumi Pakkies / Indepedent Media
UDuduzile Zuma-Sambudla uthe kwingxelo yakhe efungelweyo akanguye ungqondongqondo owaququzelela ukuthunyelwa kwamadoda awayecinga ukuba aya kuqeqesho loo nogada phesheya kanti ayokutyalwa kwimfazwe ephakathi kweRussia neUkraine.
Kwingxelo yakhe efungelweyo, efakwe kwisikhululo samapolisa saseSandton, eGoli, emva ekuqaleni kwale veki (ngoMvulo), uDuduzile ubalise into eyahlukileyo kwizityholo ezenziwe esidlangalaleni ngudade wabo uNkosazana Zuma-Mncube ngokwengxelo epapashwe yiThe Star.
Kutshanje, intombi endala kaJacob Zuma noGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma, ekuthiwa nguNkosazana Bonganini Zuma-Mncube, ivulele ityala udade wayo, uDuduzile Zuma-Sambudla, uSiphokazi Xuma noBlessing Khoza malunga nalo mba wabantu abasemfazweni eYurophu.
UZuma-Mncube utyhole aba bathathu ngokutyeshela umthetho ngelithi lawa madoda kwathiwa makaye eRussia ngobuxoki phambi kokunikelwa embuthweni wamajoni aseRussia ukuze ayokulwa kwimfazwe ephakathi kweUkraine neRussia.
Nangona kunjalo, uZuma-Sambudla uzichaze njengomntu ogqumziweyo kwaye uthi: "ulixhoba lokuqhathwa." Uthi weva ngale nkqubo kuKhoza wongeza ngelithi akazange adibane naye okanye abe nolwazi ngaye phambi kokuba anxibelelane naye ngoWhatsApp.
"Ngaphambi kwalo myalezo ungacelwanga, bendingenabudlelwane naye, okanye ulwazi lwangaphambili ngaye," uqinisekise ngelo kwingxelo yakhe efungelweyo.
Ubalise nangendlela uKhoza azazise ngayo njengommi waseMzantsi Afrika ohlala eRussia ofikelela kwinkqubo yoqeqesho ayichaza njengesemthethweni, ecwangcisiweyo, engalwisiyo eyenzelwe abemi. Ngokwengxelo kaDuduzile efungelweyo, uKhoza wamqinisekisa ngokuphindaphindiweyo ukuba inkqubo ikhuselekile, isekelwe kwizakhono kwaye isemthethweni.
UZuma-Sambudla uthe uhambe ngemali ephuma kwipokotho yakhe ukuya eRussia - apho athe wagqiba inyanga enye yoqeqesho athi zange kuliwe.
Ngenxa yolu tyelelo, wabelana ngolwazi malunga nale nkqubo kwizalamane nabahlobo abasenyongweni kwaye ugxininisa ukuba akazange afune okanye atsale mntu.
"Andinakuthi, phantsi kwazo naziphi na iimeko, ndibizele usapho lwam okanye nawuphi na omnye umntu ubungozi," utshilo.
Kuthiwa ekuqaleni amashumi amabini anesibini (22) abemi boMzantsi Afrika baye eRussia – abathathu basilela ukuhlangabezana neemfuno zempilo babuyela ekhaya, ngelixa ishumi elinesithoba (19) lashiyeka lona.
UZuma-Sambudla uvakalise unxunguphalo akuva ukuba la madoda asiwe kwindawo enemfazwe. Ubhale wathi: "Oku kwandenza ndothuka futhi ndanxunguphala kakhulu. Kungelo xesha ke apho ndabona ukuba mna kunye nabanye siqhathiwe."
Kwiinzame ezingxamisekileyo zokunceda, uthe wabuyela eRussia wahlala iiveki ezimbini, efaka izibheno kumagosa aseRussia kwaye efuna inkxaso kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika. "Amanyathelo wam athathwe ngokukhawuleza ngenxa yokuxhalabela ukhuseleko labemi boMzantsi Afrika abachaphazelekayo," utshilo kwingxelo yakhe.
UZuma-Sambudla uqukumbele ingxelo yakhe efungelweyo ngokukhaba izityholo abekwa zona kwaye ukwathe uyasebenzisana nabaphandi.
Isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe ungqinile ukuba ityala ngoku liyaphandwa ngooKhetshe.