Iindaba

Imihla yezibonelelo zakwaSASSA zenyanga yoMnga

Cwayita Nondula|Published

Izibonelelo zakwaSASSA zenyanga yoMnga zibhengeziwe.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Njengoko ixesha leziyunguma lisondela, iSouth African Social Security Agency (SASSA) iqinisekise iintsuku zokuhlawulwa kwezibonelelo zenyanga yokugqibela enyakeni – inyanga yoMnga.

Abaxhamli baya kufumana iimali zabo ekuqaleni kweveki yokuqala yenyanga yoMnga.

Nantsi imihla yezibonelelo:

  • Isibonelelo sabantu abadala: ngoLwesibini, 2 kweyoMnga 2025.
  • Isibonelelo sabantu abakhubazekileyo: ngoLwesithathu, 3 kweyoMnga 2025.
  • Isibonelelo sabantwana kunye nezinye izibonelelo: ngoLwesine, 4 kweyoMnga 2025.
  • Isibonelelo seSocial Relief of Distress (SRD: Phakathi kwe24 ne30 kweyoMnga 2025.

Abantu abafumana izibonelelo zikaSASSA banokukhetha ukuba imali yabo ifakwe kwiiakhawunti zabo zebhanki. Le yeyona nto icetyiswayo, njengoko imali ihlala ikhuselekile kwiakhawunti yebhanki de umntu akhethe ukuyisebenzisa elo xesha afunayo.

Kungenjalo, abantu banokuqokelela izibonelelo zabo kwiivenkile ezahlukeneyo.

Abantu abaneengxaki ngezibonelelo zabo bangatsalela umnxeba uSASSA ku0800 60 10 11 okanye batyelele iofisi yakwaSASSA ekufutshane nabo okanye batyelele umnatha wabo sassa.gov.za