Amashishini olutsha eBCM afumene izixhobo zokuphucula umsebenzi wawo.
Image: Facebook
Amashishini amabini olutsha lwaseMonti naseQonce afumene izixhobo ezixabisa imali engaphaya kwesigidi seerandi lilinye ukuphucula umsebenzi wawo.
Oku kunikezelwa kwezixhobo zokusebenza kwenzeke kwiholo yesixeko saseMonti kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.
Ishishini lokuyila elizinze eMdantsane, iLabtronic Solutions, lifumene inkuthazo enkulu njengoko urhulumente waseMpuma Koloni enikezele ngeveni kunye nezixhobo zeICT ezixabisa ngaphezulu kwesigidi seerandi (R1.3 million) ngephulo lokuxhasa oosomashishini abatsha, iSiqalo Youth Fund.
UMlawuli weLabtronics Solutions, uThobani Vumindaba, uyamkele inkxaso ngovuyo. "Izixhobo kunye nesithuthi ziya kwenza ukuba kube lula ukuba sihambe ngakumbi. Ngaphambili besikhe sajongana nemiceli mngeni yokuhamba phakathi kweendawo kuba sinemoto encinci nezixhobo ezinqongopheleyo," utshilo uVumindaba.
Kusenjalo, uNtsikelelo Mavata onguMlawuli weKwaNontsomi Enterprise ezinze eSweetwaters, eQonce, naye ufumene izixhobo zokuphucula ishishini lakhe. UMavata ufumene iveni kunye nezixhobo zesandisi ezixabisa ngaphezulu kwesigidi seerandi (R1.4 million).
Ebulela uMavata uthe: "Le nkxaso iya kusinceda siphucule unikezelo lwenkonzo yethu kwaye sisondele ngakumbi kwinjongo yethu yokuba yenye yezona nkampani zihlumayo zesandi nemifanekiso kwishishini lezoyilo laseMpuma Koloni."
Omabini la mashishini olutsha agxile ekwenzeni iividiyo, ukufota kunye nokuvelisa isandi. Olu tyalomali kulindeleke ukuba ludale imisebenzi kwaye lomeleze indima yabo kuqoqosho lwephondo.
Othethe egameni leNkulumbuso yephondo uLubabalo Oscar Mabuyane, uSodolophu woMasipala waseBuffalo City (BCM), uPrincess Faku, ubalule ishishini loyilo njengelikhula ngokukhawuleza nelinegalelo kuqoqosho lwephondo kwaye waphinda waqinisekisa ukuzinikela kukarhulumente ekuxhobiseni amashishini olutsha.