Iindaba

URamaphosa ugqamise ukuphakanyiswa kweAfrika entlanganisweni yeG20 kunyaka ka2025!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, evala intlanganiso yamazwe akwiG20 ebibanjelwe eGoli.

Image: Screengrab/ SABC

Intlanganiso yamazwe akwiG20 isongiwe ngaphandle kwengxaki ebixhokonxwa yiMelika. Zigoduke zincoma zonke iinkokeli zehlabathi ebeziyinxalenye intlanganiso yeG20 ebusingathwe nguMzantsi Afrika okokuqala emhlabeni weAfrika.

UMongameli uCyril Ramaphosa, oyinkokeli yoMzantsi Afrika obukhokele iG20 kulo nyaka, ugqamise kakhulu iingxaki eziswantsulisa iAfrika wacela nokusebenzisana kwamazwe ehlabathi ukuze kubekho izisombulo nakwiimfazwe eziqhubekayo. Oku kwenziwe ngaphandle kweMelika ekhethe ukungabikho kuba ingahambisani nemigaqonkqubo yoMzantsi Afrika.

URamaphosa ukubethelele ukwenziwa kwazo zonke izinto ekuvunyelwene ngazo ngamazwe ehlabathi. "Kungakuhle ukuba singaqinisekisa ukuba kukho inkqubela kwizibhambathiso esazenzayo neziphelelwa ngo2030" utshilo uRamaphosa ophoxe iMelika ebinethemba lokuphazamisa kungabikho mvano entlanganisweni ebibanjelwe eGoli ngempelaveki edlulileyo.

"Kufuneka siqinisekise ukuba akukho bantu abashiywa ngasemva njengokuba sisebenzela ihlabathi elibhetele kwicala lezoqoqosho. Masiye phambili simanyene," utshilo uRamaphosa.

Ezinye zezinto ezichaphazela iAfrika athethe ngazo uRamaphosa ziquka indlala, ukuguquka kwemozuku okwenza izikhulula ezibulala abantu, ukukhangelwa kweendlela ezintsha ezingafunqula uqoqosho lamazwe asakhulayo nokuphononongwa kwenzala ephezulu ebhatalwa ngama-Afrika xa ethatha imali ezalayo kwiibhanki zehlabathi.

"Sisibekile isiseko sentsebenziswano. Ngoku masakhe iindonga zobulungisa sibeke uphahla lobuqaqawuli sisiya phambili. Singakha ihlabathi elihle xa singasebenzisana," utshilo uRamaphosa obeke phambili uphuhliso leAfrika kwiingxoxo zamazwe akwiG20.

"Sinombulelo omkhulu ngokunikwa ithuba lokusingatha ingqugquthela enjengale singama-Afrika. Injongo yethu njengelizwe ebelongamele kulo nyaka ibikukubeka phezulu izinto ezidla umzi eAfrika.

"Impumelelo yehlabathi ixhomekeke kwiAfrika; kungoko sibona kubalulekile ukubambisana kwayo namazwe akwiG20. Ngoba siyakwazi ukuthungelana kwamazwe ehlabathi, sicela kuphele iimfazwe ukuze kubekho uxolo," utshilo uRamaphosa ovale ngelithi intlanganiso ezayo iza kube iseMelika.