Ababini basweleke emva kokuhlaselwa endlini kwaZakhele waza omnye washiyeka enzakele.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa akwaZakhele aqalise uphando lokubulala kulandela isehlo esenzeke kule mpelaveki sisuka kuyo ngoMgqibelo umhla we22 kweyeNkanga 2025 apho kuhlaselwe abantu abathathu, ababini babhubha, logama omnye kungoku nje esilwela ubomi bakhe esibhedlele.
Iingxelo zithi amapolisa akwaZakhele abizwe ukuba eze kumzi othile ngoMgqibelo ngentsimbi yethoba ebusuku kwisitalato iMakhanda, eZwide.
Athe akufika amapolisa axelelwa lilungu losapho ukuba liye latsalelwa umnxeba ngomnye wabahlali lixelelwa ukuba kukho into eyenzekileyo emzini walo.
"Ixhoba lokuqala, owasetyhini (56) ufumene amanxeba okuhlatywa amaninzi kwaye wabhubhela kwindawo yexhwayelo, amanye amaxhoba amabini angamadoda, aneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) namashumi amane anesithoba (49) ubudala abalekiselwe esibhedlele enzakele kakhulu.
"Indoda eneminyaka engamashumi amane anesithoba (49) ubudala ibhubhele esibhedlele ngelixa indoda eneminyaka engamashumi amabini anesithoba (29) ikwimeko emaxongo," siqinisekise satsho isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg.
Okwangoku, kuthiwa unobangela wolu hlaselo awukaziwa, kwaye akukabanjwa mntu.
Amapolisa abongoza nabani na onolwazi malunga nesi sehlo ukuba aye kuxela kwisikhululo samapolisa sakwaZakhele okanye atsalele umnxeba uColonel Anthea Hector ku082 457 5036 okanye atsalele iCrime Stop ku08600 10111. Ulwazi lunokunikezelwa ngaphandle kokuba umntu achaze ukuba ungubani.