Iindaba

Abathengi mabalumkele ubutsotsi bamakhadi obenzeka ngeBlack Friday!

Pedro Mapelo|Published

Kuthiwa abantu mabalumkele ootsotsi bamakhadi ngelithuba leBlack Friday.

Image: Facebook

Njengokuba kusondela usuku lamaxabiso aphantsi ezivenkileni ekuthiwa yiBlack Friday kwihlabathi, nabo ootsotsi bangxangile ecaleni balinde abantu abanokubathathela imali.

UMphathi kwaJust Money, uSarah Nicholson, ulumkise abantu ngelithi ze balumkele ootsotsi ngoLwesihlanu omhla abaza kuxakeka ngawo abantu.

Kwihlabathi lonke, abantu bathi bhazalala kwiindawo ezithengisa iimpahla ngokwahlukana bekhangela okulungele iipokotho zabo. Yinto enkulu nalapha eMzantsi Afrika ngoba lithuba elihle lokulungiselela iiholide zokuphela konyaka nemicimbi yesiNtu ethi yenziwe ekupheleni konyaka.

UNicholson, ethetha ku-eNCA News, uthe nabo ootsotsi bafumana ithuba lokuqhatha abantu. Uthe abantu mabangazithembi kakhulu izinto ezinamaxabiso aphantsi ngendlela ekrokrisayo kwikhasi lomnatha (online).

Eyona nto eyingozi ebantwini kukubhatala ngamakhadi webhanki izinto kwiindawo zomgunyathi ezifuna ukuthatha imali neenkcukacha zabo bengaqondanga. Ngenxa yokuxinana kwabantu kwiivenkile zokutya, ezeempahla enxitywayo, ezempahla zokwakha nezinye - abantu baye bakhethe ukuthenga kwiiApp.

Qaphela ezi zinto:

1. Ukuba indawo ethengisayo iyakrokrisa, musa ukungena kuyo.

2. Qinisekisa ukuba utshixa ikhadi lakhe ngephasiwedi entsokothileyo.

3. Sebenzisa iApp xa uthenga ngoba ezinye iiWebsite azikhuselekanga.

4. Makungabikho mntu okunyanzelayo ngokuthenga nanini na.

5. Sebenzisa iCredit card endaweni yeDebit card.

6. Xa uthathelwe imali ngendlela engaqondakaliyo, xelela ibhanki yakho namapolisa.

7. Inombolo yebhanki ekuthiwa yiOTP ungayiniki omnye umntu nanini na.