UMongameli Cyril Ramaphosa kwenye yeentlanganiso phambi kokuqala kweyeG20 kule veki.
Image: GCIS
Umlo wamazwi uthende ukunyukela phakathi koMzantsi Afrika neMelika phambi kokuqala kwentlanganiso yeG20. inkokeli zamazwe ehlabathi zifika ngokufika eMzantsi Afrika phambi kokuqala kwengqungquthela yeG20 ngomso.
UMongameli Donald Trump uthe akukho mntu waseMelika oza kuza entlanganisweni ngoba imixholo yoMzantsi Afrika ichasene nemigaqonkqubo yelizwe lakhe.
Wayamkela lo nto uMongameli Cyril Ramaphosa ngelithi intlanganiso iza kuqhutywa ngabantu abakhoyo - kodwa ngekungcono ukuba ibikhala ingaphakathi. Kuthe kusajongwe leyo, izolo iMelika yathi iza kuthumela abantu abasebenza kwi-ofisi yozakuzo ePitoli.
URamaphosa uthe iMelika icele balungiselelwe abantu bayo. Noxa wonke umntu ebecinga ukuba inoba iza kuthatha inxaxheba entlanganisweni - kuye kwacaca ukuba akukho njalo.
Kuthiwe mabaye eNasrec, eSoweto, ukuze uRamaphosa anike bona iintambo zolawulo zeG20 njengokuba iza kusingathwa yiMelika kunyaka ozayo.
UKaroline Leavitt, othethel iWhite House, uthe abantu abathunyelwe yiMelika akukho nto abaza kuyenza ngaphandle kokwamkela ulawulo njengenkokeli yeG20 elandelayo. Isithethi sikaRamaphosa sithe uMzantsi Afrika sobe unike iintambo zolawulo iidyongo ezithunyelwe yiMelika.
Uthe iMelika iya kuthumela umntu kwisebe lemiba yangaphandle ePitoli. Namhlanje uRamaphosa uphinde waqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika awuzukuqweqwediswa yiMelika. UTrump unethuba elide exoka ngoMzantsi Afrika ngelithi uthathela abantu abamhlophe umhlaba ubabulale.
Ngaphezulu koko, iMelika ichase imixholo yoMzantsi Afrika yeG20 ethi makulinganwe kuzanye ukuliwa nokuguquka kwemozulu ebangela iimvula ezibulala abantu e'Afrika.