Iindaba

Asimfuni uceba waseMdantsane, ulandelwa ngamatyotyombe, atsho amafama eNxarhuni

Cwayita Nondula|Published

Abantu bebezimase umsitho weSinyuse Sonke Secondary Cooperative eNxarhuni ngobuninzi babo.

Image: Cwayita Nondula / I'solezwe lesiXhosa

Omnye wemicelimngeni edizwe ngamafama aseNxarhuni kukuba ukuba noceba waseMdantsane kuhlala kukhokelela ekubeni amatyotyombe akhiwe kule ndawo ngabantu baseMdantsane ababaleka ukubhatala umbane namanzi kuMasipala. Bathi oku kukhokelela ekubeni umhlaba onokuthi usetyenziswe ekulimeni ugcwale ngamatyotyombe.

UKhululekile Qhobongoshe weNALTHA uthe urhulumente makayeke ukunika ooceba abasuka ezilokishini igunya lokulawula iindawo zasezilalini. Ukutsho oku ngethuba ethetha kumsitho weSinyuse Sonke Secondary Cooperative namhlanje, ngoLwesihlanu, eNxarhuni. Lo kopolotyeni uququzelele lo msitho ukubonisa umsebenzi abawenzileyo ukusukela ekusekweni kwayo ekuqaleni konyaka ka2025, ngelixa unika iqonga kwabo baneenyawo ezinodaka kwezolimo ukuba babelane ngolwazi lwabo.

"Uthi uceba eseMdantsane aphinde abenolawulo kumhlaba oselalini, siyayicela leyo into kurhulumente wethu makayikhuphe. La ceba waseMdantsane ulandelwa ngamatyotyombe azongcolisa umhlaba wethu. Indawo ebekufanele siyalima kuyo ngoku ingena amatyotyombe," utshilo uQhobongoshe.

Uthe kukho indawo eneparafini nesilivere apho abantu baqale khona ukwakha amatyotyombe kwaye lo nto ichaphazele ubutyebi baseNxarhuni. "Siyababona bezonyuka isporo pha, bazomosha lo mhlaba bamise izindlu."

Uthe okubuhlungu kukubona kusetyenziswa umhlaba ukwakha amatyotyombe. "Sifuna ukutya kulo mhlaba, sifuna ukulima neti apha njengeMagwa eTranskei."

UKhululekile Qhobongoshe weNALTHA.

Image: Cwayita Nondula / I'solezwe lesiXhosa

UQhobongoshe ukwathethe ngentswelongqesho kule ndawo.

"Ngoku siyiNxarhuni siqulunqe izinto ezininzi. Siyalubona ulutsha aluphangeli, umsebenzi awukho, abantu abaninzi abaphangeli – isibonelelo neR350 abanye abantu abayifumani benabantwana endlini, usizi esilubukeleyo.

"Apho siye sabona ukuthi masizame ukuma ngenyawo, kulinywe wonke la masimi aseNxarhuni."

Uthi apho bakuyo ngoku kufuneka kubekho isigqeba esityunjelwe ukuphatha ezolimo kule ndawo. "Silungiselela ukuthi izinto ezifumanekayo apha kwezolimo zikhawuleze ziyokufika ngokukhawuleza apha ezantsi ebantwini, iNxarhuni ingamelwa ngabantu abahlanu, asikho bahlanu, wonke umntu kufuneka esebenzile."

Lo kaQhobongoshe uthe bayazama ukwenza amathuba emisebenzi kulutsha lwaseNxarhuni. "Kufuneka ulutsha lwalapha lugcwalise iifomu sizokwazi ukubabona ukuba lo ufanelwe yinto ethile, silazi nolutsha lwalapha. Ngoba sifuna ukuphelisa aba bantwana bahlala kwiikhonteyina baphanga abantu, sifuna ukuphelisa lo nto – wonke umntu kwezolimo."

"Sinesicelo kumagosa karhulumente anonceda, maninzi la masimi, makhulu, afunwa ukulinywa, asinacingo, asinapali ukubiya, oogandaganda, izinto zokusebenza," ukhale watsho uQhobongoshe.

Lo msitho ukwaqaqambise impumelelo yalo kopolotyeni kunye nesakhono sokukhula, yachonga imingeni yayo, kwaye yaphonononga amathuba obuhlakani obucwangcisiweyo, inkxasomali, kunye nenkxaso yobugcisa ukunyusa ukusebenza kunye nefuthe.