Kukho iingxelo zeendibano zentselo ezicwangcisiweyo zokubhiyozela ukuphela kweemviwo, iECLB ilumkisa abafundi ngazo.
Image: iStock
Iqumrhu elilawula ukuthengiswa kotywala eMpuma Koloni, iEastern Cape Liquor Board (ECLB), lithi lifumene iingxelo ezininzi malunga neendibano zentselo (pens-down parties) ezicetywayo kwiindawo ezahlukeneyo zeli phondo kwaye ilumkisa abafundi ukuba bangathabathi nxaxheba kuzo.
Eli qumrhu lithi oonozakuzaku babo abangabafundi abaphuma koomasipala abohlukeneyo bafumene ulwazi ngezi ndibano zentselo. Ezi ndibano zentselo kuthiwa bezicwangciselwe umhla wama21 nowama22 kweyeNkanga nanjengoko le iyimihla uninzi lwabafundi abagqiba ngayo iimviwo zabo.
"Lonke ulwazi olufunyenweyo luthunyelwe ngokukhawuleza kwabomthetho ukuze bathathe amanyathelo angxamisekileyo ukubanqanda. Abazali bayakhuthazwa ukuba babeke iliso elibukhali kwiintshukumo zabantwana babo kwaye baxele naziphi na iindibano ezikrokrisayo," sitshilo isithethi seECLB uPumlani Fani.
Ingqonyela yeECLB, uGqirha Nombuyiselo Makala, uthumela isilumkiso esiqatha kubafundi abacinga ngokuzimasa ezi ndibano. "Ndinqwenela ukuthumela ngokungathandabuzekiyo isilumkiso esiqatha kubo bonke abafundi abaceba iindibano zentselo kwaye ndifuna ukubaqinisekisa ukuba sisebenzisana nabasemagunyeni abahlukeneyo, siza kubabeka iliso elibukhali.
"Abafundi mabayazi ukuba amagosa ogcinomthetho kunye nabahloli botywala beECLB baya kusebenza kwiphondo liphela ukuqinisekisa ukuba ezi ndibano ziyayekwa yaye ziyathintelwa ukuba zisingathwe. Kuya kuthathwa amanyathelo aqatha ngakubafundi abaselula ababamba ezi ndibano," utshilo uGqirha Makala.
UGqirha Makala uthe bazama ukunqanda iziganeko ezibuhlungu ezifana nesango2022 sethaveni yaseNyobeni, eScenery Park, eMonti, nalapho kwabhubha abantwana abangamashumi amabini ananye (21) ngenxa yeendibano ezilolu hlobo.
Ukwabongoza abathengisi botywala kweli phondo ukuba bohlukane nokusingatha ezi ndibano kwiindawo zabo zentselo. "Apho sifumene abathengisi botywala besaphula lo mqathango asiyi kuthandabuza ukuthatha amanyathelo aqatha, kuquka ukucinywa kwangoko kwelayisenisi yabo yokuthengisa utywala," utshilo.
Iqumrhu limemelela abazali noluntu ukuba basebenzisane nabo babeke iliso elibukhali kubantu abatsha kwaye baqinisekise ukuba naziphi na iindibano ezirhanelwayo nezingagunyaziswanga ziyanqunyanyiswa ngoko nangoko.
Abantu bayacetyiswa ukuba bazichaze ezi ndibano kwabasemagunyeni abakufutshane nabo okanye batsalele umnxeba ku08600 10111. Basenokuxela nakwiECLB ku080 000 0420 okanye baqhagamshelane nabo kuWhatsApp ku076 403 6223.