Iindaba

UMaxhosa Lifestyle ovulwe eMonti uza kufunqula abavelisi boboya eMpuma Koloni!

Pedro Mapelo|Published

ULaduma Ngxokolo uvule ivenkile athengisa kuyo iimpahla zakhe zodidi oluphezulu.

Image: Facebook

Kwimpelaveki edlulileyo, uLaduma Ngxokolo owaziwa ngefashoni, uvule ivenkile enkulu eHemingways Mall, eMonti. UMaxhosa Lifestyle yivenkile yeempahla zodidi oluphezulu azenza ngokwakhe uNgxokolo owaziwa lihlabathi lonke.

Eyona venkile yakhe enkulu ivulwe eMonti ngorhatya langoMgqibelo ogqithileyo emsithweni obungcotshile eHemingways Mall. Phakathi kweendwendwe ebezizimase umsitho bekukho iinkokeli eziphuma eburhulumenteni, oosaziwayo nabathandi befashoni abasondezelwe iimpahla abazithandayo kufutshane.

Ethetha kwiKeith Ngesi TV, uLaduma waseGqeberha uthe ugqibe kwelokuba makade avule isebe eMonti ngoba ufuna ukusondela kubaxhasi bakhe, ngaphezulu koko, iMonti yindawo ekwazalelwa umama wakhe kuyo owabanefuthe ekungeneni kwakhe kwicandelo lokwenza iimpahla.

Okuthe kwagqama kakhulu ngokufika kukaMaxhosa Africa kukuba kuza kuxhamla abavelisi boboya kwiphondo leMpuma Koloni. Uthe inkampani yakhe ityale imali kumzimveliso oseMonti oza kwenza iimpahla zakhe zodidi oluphezulu.

"Ndizive ndinyanzelekile ukuba ndivule ivenkile apha. Yiminyaka emininzi iHemingways Mall isithi ndingalibali ukuba iMonti yeyona ndawo efanelekileyo ngoba iphakathi eMpuma Koloni," utshilo uLaduma encumile kwiKeith Ngesi TV.

Ekugqibeleni ude wafika uMaxhosa osoloko esamatheni ngenxa yamaxabiso aphezulu - kodwa ogqame ngomgangatho ophezulu weempahla. "Ngenxa yabathengi abaninzi endinabo, kuye kwanyanzeleka ukuba ndize apha eMonti. Kodwa ngaphezulu koko, sivule ivenkile ngoba kukho inkampani esiyivuselelayo apha eMonti.

"Ukutyala imali kwinkampani elapha kuhambelana nokuvulwa kwale venkile ekuthengiswa kuyo iimpahla ezinxitywayo nezendlu eziquka iiragi, iitawuli, iikhaphethi, ifenitshala nezinye izinto ezininzi. Sithengisa izinto ezikhethekileyo futhi ezexabiso apha. Le yeyona venkile yethu enkulu eMzantsi Afrika," utshilo uLaduma.

"Sizimisele ukusebenzisa inkampani esiyivuselelayo njengento eza kuthi ifunqule imveliso yoboya obusuka ezibhokweni nasezigusheni. Amafama aseDutywa xa echeba iigusha uboya bawo buza kuthi sitsho senze iikhaphethi nezinye izinto. Sinqwenela ukwaziwa njengenkampani eyavula amathuba emisebenzi emininzi eMpuma Koloni."