Iindaba

Ukudilizwa kwemizi eBhongweni kumisiwe

Cwayita Nondula|Published

Umzi odilizwe eBhongweni.

Image: EFF Eastern Cape

Iqela le-Economic Freedom Fighters (EFF) eMpuma Koloni lingqinile ukuba kunqunyanyiswe ukudilizwa kwemizi yakwaWadi 31 eBhongweni kufutshane nesikhululo seenqwelomoya saseMonti emva kokungenelela kwabo.

Oku kuza emva kokugxothwa kwabantu kwanokudilizwa kwezindlu kule ndawo, kuthiwa lo mhlaba ngowabucala kwaye ngoweAgricultural Research Council (ARC). Eli Bhunga kuthiwa belinomyalelo wenkundla wokuba lenze lo msebenzi kuba abantu behlala kumhlaba wabucala.

Lo mmandla unamatyotyombe angaphezu kwamawaka amabini kunye nezindlu zezitena ezingaphezu kwamakhulu asibhozo. UEskom naye ebekule ndawo, esithi uninzi lwabantu abahlala kule ndawo basebenzisa umbane ngokungekho mthethweni.

UMasipala oMbhaxa waseBuffalo City (BCMM) uzibhekelisile kulo msebenzi, esithi akabandakanyeki kulo msebenzi, kwaye akazange agunyazise ukugxothwa kwabantu okanye ukudilizwa kwamakhaya.

"I-BCMM ayikhuphanga imiyalelo, ibonelele ngezixhobo, okanye ithathe inxaxheba ekususweni kwabahlali kumakhaya abo.

"UMasipala uyaluqonda unxunguphalo olubangelwe yile misebenzi kwaye usazimisele ukuthethana nabo bachaphazelekayo, kuquka amaqumrhu kazwelonke kunye nabanikazi bomhlaba, ukuqinisekisa ukuba abahlali baphathwa ngokusemthethweni nangesidima.

"I-BCMM isaqhubeka nokubeka phambili ucwangciso lokuhlaliswa koluntu oluzinzileyo, ngakumbi kwiindawo apho uluntu luhlala kumhlaba wemibutho yangaphandle okanye kazwelonke," utshilo lo Masipala.

I-EFF eMpuma Koloni ithi zingaphezu kwamashumi amabini izindlu zezitena ezidiliziweyo. "Oku kwenzeka nangona inkqubo yenkundla iqhuba, nalapho abahlali bafake esinye isicelo esingxamisekileyo izolo (ngoLwesibini) sokuba kuthintelwe ukudilizwa kwezindlu," itshilo iEFF.

I-EFF kweli phondo ithi ukungenelela kwabo kunyanzelise ukuba kumiswe ngokukhawuleza ukudilizwa kwezindlu kusalindwe iziphumo zomba wenkundla.

"Oku kuye kwanika iintsapho ezichaphazelekayo isiqabu sokwexeshana kwaza kwathintela ukutshatyalaliswa okungakumbi kwamakhaya azo."

I-EFF eMpuma Koloni ithe ukuba lo mba awusombululeki enkundleni, bazimisele ukujonga zonke iindlela zokuqhubeka nokukhusela abantu baseBhongweni.

"Sifuna ukuqinisekisa ukuba akukho luntu oluphantsi kwezenzo zenkohlakalo nokungahoywa ngurhulumente olahle uxanduva lwakhe lokukhusela abantu abahluphekayo."