Ixhego elilahlekileyo uDlava Tshawe.
Image: SAPS
Amapolisa aseMajola akhangela ixhego eligama linguDlava Tshawe, 73, waseMevana, eMajola A/A, eSajonisi nowagqityezelwa kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu we14 kweyeNkanga 2025 malunga nentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngethuba esendleleni esinge eMevana.
Kuthiwa eli xhego lalisuka kwilokishi yaseRhawutini kulo mmandla kwaye alizange lifike kwikhaya layo. Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo uthi ngethuba elahleka, wayenxibe isikipa esinemigca, ibhulukhwe yekhodro eneyvi naluhlaza (blue) okanye enombala omdaka, ibhatyi yefele emnyama, kunye nebotyo emdaka ngombala. Utata ungumntu ongaboniyo kakuhle nongevayo ngeendlebe.
Uphando ngomntu olahlekileyo lwavulwa ngoMgqibelo we15 kweyeNkanga 2025 ukuze kuphandwe. Uphando lokuqala lwenziwa ngaphandle kwethamsanqa.
Amapolisa acela nabani na onolwazi malunga nalapho akhoyo ukuba atsalele umnxeba kwisikhululo samapolisa aseMajola ku067 598 2196, umcuphi uConstable Mdolo ku083 995 2193 okanye inombolo yeSAPS Crime Stop ku08600 10111.