Iindaba

G20: UMzantsi Afrika wamkela ihlabathi ujikelezwe sisitshingitshane esenziwa yiMelika!

Pedro Mapelo|Published

UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, uza kwamkela iinkokeli zamazwe ehlabathi ezize kwintlanganiso yeG20.

Image: English Itumeleng

Iinkokeli zehlabathi ziza kugaleleka eMzantsi Afrika ukusukela ngoLwesihlanu phambi kokuqala kwengqungquthela yamazwe amakhulu ekuthiwa yiG20. UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuzamkela njengentloko yoMzantsi Afrika owongameleyo futhi ongumququzeleli wengqungquthela yeG20 kunyaka ka2025.

Intlanganiso eza kusingathwa nguMzantsi Afrika iqhubela phambili - kodwa ijikelezwa sisitshingitshane esenziwa nguMongameli waseMelika, uDonald Trump, ohlwayela ubuxoku obuthi kweli lizwe kubulawa abantu abamhlophe (Afrikaners) futhi bathathelwa nomhlaba wabo.

Sekulithuba ezikhaba izityholo azenzayo uMzantsi Afrika ukusukela ekuqaleni kwalo nyaka. Nangona kunjalo, uRamaphosa uthe iinkokeli zehlabathi ziyeza futhi akukho nto eza kuma kuba iMelika (USA) ingazukubakho entlanganisweni eza kubanjelwa eGoli kwiphondo laseGauteng.

Nangona engakufuni ukuthathwa komhlaba okupasiswe yiPalamente, okwenza uTrump awuchase kakhulu uMzantsi Afrika yimixholo eza kushukuxwa entlanganiswe yeG20. UMzantsi Afrika uthe ufuna ubumbano nokusebenzisana, ukuphathwa ngokulingana nokujongana neengxaki ezijamelene nehlabathi kumazwe akwiG20.

"UMongameli Trump ugqibe kwelokuba kungabikho mntu omele iMelika entlanganisweni. Kodwa thina sithi ayisebenzi ipolitiki yokuhambela kude kwamanye amazwe futhi inkqubo iza kuqhubela phambili," utshilo uRamaphosa omeme iinkokeli zamazwe eAfrika, abezoshishino nabamele imibutho elwela amalungelo abantu.

Khange kuphelele ekukwayeni intlanganiso yeG20, iMelika ihlabe ikhwelo kwamanye amazwe ngelithi angazithathi izigqibo kwizinto ekuza kuxoxwa ngazo eMzantsi Afrika olilizwe lokuqala eAfrika ukusingatha intlanganiso yeG20 yamazwe amakhulu.

Phakathi kwezinto ekulindele ziphakanyiswe nguMzantsi Afrika kukufunqulwa koqoqosho kwilizwekazi leAfrika engakwaziyo ukwenza inkqubela ngenxa yamatyala anenzala ephezulu emfimfithwa yi-International Monetary Fund neWorld Bank ezilawulwa yiMelika namazwe aseYurophu.

URamaphosa nezinye iinkokeli baza kufuna ukuguqulwa kwendlela yokusebenza kwezezimali ngoba amanye amazwe abhataliswa kancinci kunawalapha eAfrika. Omnye umba otshisa ibunzi ngowokuguquka kwemozulu (climate change) okwavunyelwana ngako ngamazwe kwiminyaka eyadlulayo eParis, eFrance.

Yenye into engafunwayo leyo nguTrump ongazimiselanga ukuncedisa ekuthotyweni kokungcoliswa komoya okuchaphazela kakubi ihlabathi. "Siza kuzithatha izigqibo kwimiba echaphazela abantu behlabathi," utshilo uRamaphosa. Njengokuba iMelika iza kusingatha intlanganiso yeG20 kunyaka ozayo, uMzantsi Afrika awuzukwazi ukuyinika iintambo zolawulo ngokusesikweni ngoba uTrump uthi kubulawa abantu abamhlophe kweli lizwe.

URamaphosa uyibethelele into ethi iMelika iseyindawo ebalulekileyo kwiimveliso ezisuka eMzantsi Afrika. Noxa uMongameli waseChina, uXi Jinping, engazukuza naye - kodwa uza kuthumela igosa eliphezulu likaRhulumente.