Ityala likaNamhla Mtwa alihambeli ndawo emva kokuthathwa nguShadrack Sibiya.
Image: Facebook
Emva kweminyaka emithathu walala kobandayo uNamhla Mtwa, ityala lakhe lisami ndawonye. Into ebonakala kukuba amaPolisa adlala undize ngalo endaweni yokubamba umbulali atshutshiswe.
UMtwa, 35, wasweleka emva kokudutyulwa amatyeli asithoba eMthatha esuka emsebenzini ngonyaka ka2022. Kuthiwa uNamhla wayethandana nendoda eyayityholwa ngokumphatha kakubi.
Ukubhubha kwakhe kwaduma ilizwe lonke kwade kwenziwa imingcelele ngabantu bemibutho yezopolitiko. Kodwa ezo zinto zange zincede nto nakubeni uGeneral Bheki Cele wayethembisile esenguMpathiswa wamaPolisa.
Ingxelo evele kwikomishini kaMadlanga, ephanda ukuwa kolawulo nobuqhophololo emaPoliseni, ithe ityala likaNamhla Mtwa laliphakathi kwamatyala angaphezulu kwekhulu (121) angakhathalelwa kwiofisi yamapolisa enkulu emva kokuthathwa kwawo kwiPKTT (Political Killings Tasks Team) echithwe nguSenzo Mchunu ekuqaleni kwalo nyaka.
Kwiminyaka edlulileyo, kwasungulwa iPKTT ukuze iphande ukubulawa kwabantu abakwipolitiki KwaZulu-Natal. Amatyala anobuzaza eMpuma Koloni anikwa iPKTT ukuze iwaphande.
UNjengele Mary Motsepe, owayephanda ityala likaNamhla, uxelele uMadlanga ukuba balenza uphando futhi bamazi nomntu ofanelelwe kukubanjwa. Kodwa kuye kwathi gqi umntu owenze isithintelo enkundleni kwiinyanga zokuqala kwalo nyaka.
Emva koko, uShadrack Sibiya (iSekela loMkomishinala) ulithathele kuye ityala akwabikho nkqubela phambili. "Umntu esasiza kumbamba waya enkundleni efuna kuthintelwe uphando. Iinzame zakhe zakhatywa yinkundla ekuqaleni kwalo nyaka. Uphindile wenza isithintelo kwakhona phambi kokuthathwa kwedokethi," utshilo uNjengele Motsepe.
Uthe akazi ukuba kwenzeka ntoni ngoku etyaleni likaNamhla nangona exelele uMadlanga ukuba amadoda awarhanelwa ngokubulala abulawa omathathu. Konke oku kuvele ngenxa kaNjengele uNhlanhla Mkhwanazi obhentsise ukungahambi kakuhle kwezinto emaPoliseni awathi alawulwa zizaphulimthetho ezithengisa iziyobisi. Eyona nto eyamnyanzelayo ukuze aphumele elubala kukuchithwa kwePKTT engathethanga namntu kwabaphetheyo emaPoliseni uMchunu.