Iindaba

Urhulumente uxhalabile ngezinga leGBVF

Cwayita Nondula|Published

Urhulumente uxhalabile ngezinga leGBVF elizweni.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Urhulumente uvakalise inkxalabo yokuba uMzantsi Afrika usathe gqolo ukulwa namazinga aphezulu obundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBVF) nangona kukho iinzame zokunqanda ubundlobongela.

UMphathiswa kwiOfisi kaMongameli, uKhumbudzo Ntshavheni, uthethe oku ngethuba ethetha noonondaba eKapa kwiveki ephelileyo ngoLwesine: "IKhabhinethi ixhalabile kakhulu kukuba nangona urhulumente, imibutho yoluntu, amashishini kunye noluntu bezama ukuqubisana nalo mba, uMzantsi Afrika usaqhuba ukujongana namazinga awothusayo eGBVF." 

Iintetho zoMphathiswa ziza njengoko uMzantsi Afrika uza kuba nephulo lonyaka leentsuku ezili16 zokulwa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana ukusuka ngomhla wama25 kweyeNkanga ukuya kowe10 kweyoMnga 2025, phantsi komxholo othi: "Letsema: Amadoda, Abasetyhini, Amakhwenkwe naMantombazana besebenzisana ukuphelisa ubuNdlobongela obuSekelwe kwiSini noKubulawa kwabaseTyhini (GBVF)."

Eli phulo, eliyinxalenye yephulo leZizwe eziManyeneyo (UN) kwihlabathi jikelele, libongoza intshukumo ehlangeneyo kulo lonke uluntu ukwazisa, ukudibanisa uluntu, nokomeleza uxanduva lokuphendula kwiinzame zokuphelisa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini nabantwana.

Ebutsheni balo nyaka, urhulumente uphehlelele inkqubo yeGBVF Acceleration Programme, inyathelo likazwelonke elijolise ekuqinisekiseni inyathelo elikhawulezileyo nelilungelelanisiweyo ngokuchasene nale ngxaki kunye nokukhawulezisa ukuphunyezwa kwesicwangciso-qhinga sikazwelonke seGBVF.

"Inkqubo yeentsuku ezingama90 eyayikhokelwa yiJustice, Crime Prevention and Security (JCPS) yasebenza kungenelelo olungxamisekileyo nolunempembelelo ukubuyisela umva ukwanda kwezenzo zeGBVF elizweni.

"Oku kuquka ukusekwa kwakhona kwekomiti yabaphathiswa, i-Inter-Ministerial Committee (IMC), ukuqinisekisa intsebenziswano ekuphunyezweni kwesicwangciso-qhinga sikazwelonke seGBVF, (GBVF National Strategic Plan)," ucacise watsho.

UMphathiswa ukwahlabe ikhwelo kuluntu lonke ukuba luyincothule neengcambu iGBVF, esithi abemi boMzantsi Afrika mabasebenzisane norhulumente ukunqanda ukwanda kweGBVF.