Iindaba

UMbhashe uthi mabaye bephila, babuye bephila

Cwayita Nondula|Published

UMasipala waseMbhashe ulungiselela ixesha lolwaluko lasehlotyeni ngokuba neendibano neengcibi namakhankatha.

Image: Mbhashe Local Municipality

Ukulungiselela ulwaluko lasehlotyeni, uMasipala waseMbhashe, iSebe lezeMpilo kwakunye neMbhashe Initiation Forum babambe iintlanganiso zoqeqesho ngeenjongo zokuqeqesha iingcibi namakhankatha.

Ezi ndibano zeentsuku ezintathu ziqale ngoMvulo we17 kweyeNkanga 2025, eyesibini iza kuba ngoLwesibini, umhla we18 kweyeNkanga kwiholo iTRC kuGatyana ize eyokugqibela ibe kwiholo iTRC eDutywa ngoLwesithathu, umhla we19 kweyeNkanga.

Eli phulo lelokuqinisa iinzame zokuqinisekisa ukuba eli siko lenziwa ngendlela ekhuselekileyo. Indibano yangoMvulo kwiholo eXhorha ibinabathathi nxaxheba ababalulekileyo abafana noSomlomo weBhunga likaMasipala, abaqeqeshi bezempilo, iinkosi, amapolisa, amagosa karhulumente, ooceba beewadi, ukubalula abambalwa.

USomlomo weBhunga likaMasipala waseMbhashe, uBabalwa Majavu, uthethe ngokubaluleka kweendibano ezilolu hlobo ebulela abantu abathathe inxaxheba kwiinzame zokuphucula eli siko.

Ngokwengxelo kaMasipala waseMbhashe, ezi ndibano zigxile ekukhuthazeni amanyathelo akhuselekileyo asempilweni kwisiko lolwaluko, logama kuthintelwa ukwenzakala nokubhubha ngenjongo yokuqinisekisa ukuba imithetho yesiko iyalandelwa.

"UMasipala uhlala ezibophelela ekukhuthazeni intsebenziswano ephakamisa izithethe nenkcubeko kwaye ekhusela intlontle yomntu ngamnye omtsha othatha inxaxheba kolu hambo," utshilo uMasipala kwingxelo.

USihlalo weMbhashe Initiation Forum, uNkosi Zwelimfanele Sipho Nyendane, uthe babambe ezi ndibano zoqeqesho kuba bezama ukusindisa ubomi babantwana ukuze baye esuthwini bephila, babuye bephila.

"Ukusukela ngo2024, ebekhona amagingxigingxi okokuba noko izinto esizithethayo ebantwini zingahoyeki, kodwa sithe xa sifika kwisizini ka2024 kweyeSilimela kwacaca into yokuba abantu bayamamela – iingcibi namakhankatha ziyasebenzisana nathi.

"Kuba nangoku xa siphuma kula sizini ka2024 kweyeSilimela, khange sibenaye umkhwetha esaphulukana naye. Neengcibi namakhankatha ethu ziyalusabela ubizo. Zikhona zona iingxaki, kodwa xa sifika siyiforam silungise apho sibona ukuba konakele khona – kuyalungiseka. Siyaluncumo eli phulo kuba liyimfundiso ebantwini," utshilo uNkosi Zwelimfanele.