Iindaba

ULamola uthi ukufika kwamaPalestina kunenyawo lemfene

Cwayita Nondula|Published

URonald Lamola uthi urhulumente uyaphanda ngomba weembacu zasePalestina.

Image: G20 South Africa/ X

Umphathiswa wezobudlelwane bamazwe ngamazwe, uRonald Lamola, uvakalise inkxalabo malunga nokufika kwabantu basePalestina abayi153 eMzantsi Afrika, esithi esi siganeko siyakrokrisa kwaye sibonisa iinzame ezibanzi zokususa amaPalestina kummandla waseGaza.

Ethetha noonondaba ngoMvulo, uLamola uthe kusenokubakho kunenyawo lemfene emva kokufika kwaba bantu. "Siyakrokra singurhulumente woMzantsi Afrika malunga neemeko ezikhokelele ekufikeni kwenqwelomoya nabakhweli kwinqwelomoya," utshilo uLamola.

Uqhubeke wathi, "Lo mba luphando ekufuneka luqukunjelwe ngokucokisekileyo, kwaye uluntu loMzantsi Afrika luza kuxelelwa kamva."

ULamola uthe esi siganeko sibonakala siyinxalenye yesicwangciso esibanzi. "Ngumba osikhathazayo, kwaye kubonakala ngathi ubonisa isicwangciso esibanzi sokususa amaPalestina ePalestina ukuya kwiindawo ezininzi ezahlukeneyo zehlabathi."

Kwiveki ephelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente woMzantsi Afrika uphanda ngenqwelomoya eqashiweyo ethe yazisa abantu basePalestina abali153 elizweni ngaphandle kwamaxwebhu afunekayo ngoLwesine, umhla we13 kweyeNkanga 2025.

"Aba ngabantu baseGaza abathi ngendlela engaqondakaliyo bakhweliswa kwinqwelomoya edlule eNairobi, eKenya beza apha," utshilo uRamaphosa exelela iintatheli. Wongeze ngelithi iiarhente zobuntlola kunye nesebe lezekhaya bayawuphanda lo mba.

NgoLwesine weveki ephelileyo, uMzantsi Afrika unike imvume yokungena ngaphandle kweVisa iintsuku ezingama90 kwiimbacu zasePalestina ezili153 ezifuna indawo yokubhaca. Ekuqaleni khange bavunyelwe ukungena ngenxa yokungaqhubi kakuhle kudliwanondlebe olufunekayo kunye bengenaso isitampu esiqhelekileyo sokuhamba kwiincwadana zokundwendwela (passports) zabo, kodwa ekugqibeleni bamkelwa.

Ezi mbacu zasePalestina zalinda ngaphezulu kweeyure ezilishumi kwisikhululo seenqwelomoya iOR Tambo International Airport eGoli zilindele isigqibo malunga nokuba ziyakunikwa na imvume yokungena okanye zaliwe.

Isebe lezekhaya lithe kwingxelo ngexesha lokungeniswa kwabo, amalungu angama23 eqela kwathi kanti sele ethathe inqwelomoya eya kwezinye iindawo. "Bonke abahambi baneencwadana zokundwendwela ezisemthethweni kwaye, okwangoku, akukho namnye kubo ofake isicelo sokubhaca.

"Isebe lezekhaya liye lathathela ingqalelo ingxelo ekhutshwe kumakhasi onxibelelwano namhlanje ekuseni (ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo) nguzakuzo wasePalestina, ebonisa ukuba uhambo lwaba bantu basePalestina abayi153 luququzelelwe ngumbutho ongabhaliswanga nongenamkhondo owasebenzisa iimeko ezibuhlungu zabuntu bethu eGaza, waxokisa iintsapho zabo, waqokelela imali kwiintsapho zabo, kwaye waququzela uhambo ngendlela engenankathalo," litshilo isebe.

Isebe lithe liza kuqhubeka nokusebenza nozakuzo wasePalestina kunye neqela lezokhuseleko loMzantsi Afrika ukuphanda la mabango.