Iindaba

UGigaba uvele enkundleni ngezityholo zobuqhophololo

Cwayita Nondula|Published

Owayesakuba nguMphathiswa kunye nelungu leANC ePalamente uMalusi Gigaba uvele enkundleni kunye nababesakuba ngabaphathi bakwaTransnet, uBrian Molefe, uSiyabonga Gama, uAnoj Singh, kunye noThamsanqa Jiyane.

Image: IDAC

Owayesakuba nguMphathiswa wezamaShishini kaRhulumente uMalusi Gigaba ubekwe ityala lobuqhophololo kwaye uvele kwinkundla kamantyi yasePalm Ridge ngoLwesibini waze wongezwa njengomtyholwa wesihlanu kwityala lakwaTransnet lethenda.

UGigaba onguSihlalo oncedisayo weKomiti yePalamente yezoKhuselo, uvele kunye nabanye abatyholwa abane kweli tyala, ababesakuba ngabaphathi bakwaTransnet, uBrian Molefe, uSiyabonga Gama, uAnoj Singh kunye nenjineli uThamsanqa Jiyane.

Umtyholwa ngamnye ubekwe ityala lobuqhophololo norhwaphilizo kwithenda yoololiwe abangaphezulu kwewaka (1064) abathi bachana urhulumente imali engaphaya kwamashumi amahlanu eebhiliyoni zeerandi (R54 billion). Le thenda, kunye nezinye iikhontrakthi, zanikezelwa ngexesha likaGigaba njengoMphathiswa phakathi kuka2010 no2014.

Ukuvela enkundleni kukaGigaba kuza emva kokuba iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) libizele uGigaba kwiCandelo loPhando oluchasene norhwaphilizo (IDAC) kutshanje.

Emva kokuvela enkundleni ngoLwesibini, isithethi seIDAC, uHenry Mamothame, uxelele oonondaba ukuba abatyholwa bavele enkundleni ngetyala elimalunga nexesha apho uTransnet wayekwinkqubo yokufumana izixhobo zikaloliwe ukuze kwandiswe kwaye kuphuculwe iziseko zikaloliwe zeli lizwe. Uthe zithathu iikhontrakthi ezinikezelwe ngokungafanelekanga ukunika uTransnet izixhobo zikaloliwe ezingama95, 100 kunye ne1064 kwiikontraka ezintathu ezohlukeneyo, nto leyo ebangele ilahleko yeebhiliyoni zeerandi kuTransnet.

UGigaba ukwatyholwa ngokwamkela izixa-mali ezingachazwanga ezivela kusapho lakwaGupta.

Ityala lihlehliselwe umhla wama30 kweyoMqungu 2026 ukuze kwabelwane ngamaxwebhu etyala kumagqwetha abamangalelwa, kunye namatyala asesikweni ngakubamangalelwa, kunye nomhla wokudluliselwa kwetyala kwinkundla ephakamileyo.