Iindaba

Ndigxotheni ukuba niyafuna, kuthiwa utshilo uRamaphosa ozigqogqe iindlebe iinkokeli zeANC!

Pedro Mapelo|Published

Kuthiwa uCyril Ramaphosa uthe mabeze ngaphambili abafuna ukumgxotha kwintlanganiso ebitshisibunzi.

Image: ANC/Faacebook

"Ndixeleleni umhla enifuna ndibeke phantsi ngawo njengoMongameli weAfrican National Congress (ANC)," amajelo eendaba athi utshilo uCyril Ramaphosa kubahcasi bakhe embuthweni awukhokelayo.

Oku kuthiwa kwenzeke kwintlanganiso yesigqeba esiphezulu esilawulayo kwiANC ebibanjelwe eGauteng kwiveki ephelileyo. URamaphosa kuthiwa uxelele abantu abafuna ukumsusa ukuba mabohlukane nokuthetha ngaye ezikoneni, endaweni yoko mabathethe ekuhleni ngoba angayeka nanini na xa iANC ingasamfuni.

Oku kuphenjelelwe ngamahumhum apapashwe ngamaphephandaba angempelaveki athe kukho abantu abathile kwiANC abafuna isigqeba esilawulayo sibhangiswe sonke emva koko kubekho isikhokelo sethutyana esiza kukhokelwa nguThabo Mbeki owanguMongameli wombutho nelizwe kwiminyaka eyadlulayo.

Ingxelo ejikelezayo ithi intshukumo yokususwa kukaRamaphosa iveke kuWhatsApp oneenkokeli zaseMpuma Koloni eyeyona isaqinileyo okwangoku emva kokubethwa kweANC kunyulo obelubanjwe kunyaka ophelileyo.

Kuthiwa uRamaphosa uxelele iinkokeli zeANC ukuba bubugwala ukuxoxa ukususwa kwakhe ezikoneni ezimnyama.

Emva koko wazilumkisa ngelithi umbutho awukwazi ukulawulwa ngathi ngumbutho wesigebenga watsho esithi makuphicothwe yonke iindlela abaphila ngayo abakwisigqeba esiphezulu (NEC) ukuze abantu bangenzi into abayithandayo.

Nangona bekukho ingxelo ethi uRamaphosa uza kubeka phantsi njengoMongameli emva kwengqungquthela yeG20 - kodwa iANC ithe iinkokeli ziza kuligqiba ixesha lazo lolawulo.

Ukusukela kwinkomfa yolonyulo eyayibanjelwe ePolokwane ngonyaka ka2007, zange kuphinde kubekho inkokeli yeANC ekwaziyo ukugqiba ixesha layo.

UMbeki wasuswa esihlalweni sokongamela ilizwe. Naye uJacob Zuma, owayenguMongameli emva kwakhe, waye wacelwa ukuba makasuswe esikhundleni ngo2018.

Kuzo zonke ezo ziganeko kwabakho uqhekeko nemibutho entshulileyo emitsha ethathe abantu kwiANC. Noxa kulonyulo iANC iqhube kakubi, kubonakala ngathi kukho abantu abazimisele ukwenza into enye eyonzakalisayo.