USesethu Enhle Mboza ungcwatywe ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kweyeNkanga 2025 eMthatha.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
"Besicinga ukuba simnika ikamva uSesethu, kanti simbizela ukufa. Silimele silikhaya kakhulu," la ngamazwi kamama kaSesethu Enhle Mboza, uSixolile Mboza, ngethuba ebethetha kumngcwabo wentombi yakhe ngoMgqibelo kule mpelaveki idlulileyo.
USesethu oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ungcwatyelwe eMthatha. Ebekunyaka wesibini esenza isidanga kwezobuGcisa kwiYunivesithi iNelson Mandela. Uzibulele emva kwesiganeko ekutyholwa ukuba wadlwengulwa ngumfundi owayefunda kwakule yunivesithi.
Umama kaSesethu ethetha ngentlungu ekhokelele ekuswelekeni kwentombi yakhe, uthe intombi yakhe yamfowunela emva kwesi sehlo. Umama kaSesethu wamcebisa ukuba aye esibhedlele, emva koko uSesethu wagoduswa sisibhedlele wacetyiswa ukuba ayovula ityala emapoliseni – umrhanelwa wabanjwa waze wakhululwa ngebheyile.
Umama kaSesethu uthi wabethelwa xa uSesethu engathethi naye iintsuku ziqengqeleka.
"Ndadana xa ndisiya pha. Ngoba uSesethu ubhaqwe ndim ndiseMthatha ukuba kwenzeke le ntlekele. Ndanyanzelisa ndisithi khabani ucango umntwana wam zange kuphele iintsuku ezimbini ndingathethi naye, Ndiza kulwela umntwana wam.
"Ndizolwa, ningabe nibuza ukuba uzila nini, ndizobuya ndizile kodwa masiqale sigqibe le," utshilo.
Omele abafundi baseNMU, uLathitha Mbuzwana, uthe: "Singcwabe kulo nyaka malunga nabafundi abalishumi elinesithandathu (16). Hayi abantwana abasweleke kuba begula umntu alale angavuki kuba egula kodwa imayelana nolwaphulomthetho neGBV ngelixa iziko lithe cwaka. Sidikiwe ngoku umane sisithi 'Justice for ubani'."
Itshantliziyo lamanina nabantwana eMpuma Koloni, uPetros Majola weKhula CDP EC, utyhola le yunivesithi ngokungakhathali. Ethetha ngokwanda kweziganeko zobundlobongela kumaziko uthe: "Apha eFort Hare kutshanje khukho umntwana oyintombazana obonwe ejinga emthini eswelekile apha eDikeni."
Uqhube wathi, "Ngoku obusithi uza kulwa (ebhekisa kumama kaSesethu), nam nditsho. Kemna andiyibeki into ndiqhawuke, ayiqhawuki eyam," utshilo efunga uMajola.
USesethu ngomnye wabafundi abahlanu abathe babhubha kwezi veki zidlulileyo kule yunivesithi.