Iindaba

'Abasetyhini abalishumi elinesihlanu babulawa mihla le eMzantsi Afrika'

Cwayita Nondula|Published

Ngokweengxelo, abasetyhini abalishumi elinesihlanu babulawa eMzantsi Afrika ngenxa yobundlobongela obusekelwe kwisini.

Image: Armand Hough / Independent Newspapers

Izinga lokubulawa kwabasetyhini eMzantsi Afrika liphezulu ngokuphindwe kahlanu kunomyinge wehlabathi, kwaye abasetyhini abalishumi elinesihlanu (15) babulawa yonke imihla. Oku kudizwe ngumbutho ozinikele ekulweni ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwabasetyhini (GBVF), iWomen for Change (WFC).

Yiyo loo nto lo mbutho uququzelela ukumisa ngxi ilizwe ngoLwesihlanu, umhla wama21 kule nyanga yeNkanga, kusuku oluphambi kweNgqungquthela yeG20 eGoli, apho wonke umntu – ingakumbi abasetyhini kunye nabeLGBTQI+ kuMzantsi Afrika uphela beza kumisa eli lizwe.

"Xa abasetyhini besima, ihlabathi liyama. Xa silala phantsi, ihlabathi liya kunyanzeleka ukuba lijonge oko likungcwabe ixesha elide.

"Asizukwenza oku ngenxa yomsindo kuphela, kodwa ngenxa yothando – siyenzela abasetyhini esiphulukene nabo, kunye nabo balwela ukusinda. Siza kukwenza oku ukukhumbuza ihlabathi ukuba ubomi bethu bunexabiso," utshilo lo mbutho.

Eli phulo likhokelwa ngulo mbutho likhokelele ekubeni abantu bafake umbala omfusa kumakhasi abo onxibelelwano ukubonisa inkxaso kweli dabi lokulwa iGBVF.

Ichaza eli phulo kunye nesizathu sokuba ikhethe lo mbala, iWFC ithe, umfusa "ngumbala obonisa ukomelela, ubulungisa, kunye nokukhumbula wonke owasetyhini kunye nomntwana obomi babo bachaphazeleka okanye bohluthwa bubundlobongela obusekelwe kwisini."

Kutshanje, iZiko loLawulo lweNtlekele leSizwe (NDMC) lisikhabile isicelo seWFC sokuba iGBVF ibhengezwe njengentlekele kazwelonke. Oku kwenzeke kwiinyanga ezisixhenxe emva kokuba iWFC yanikezela uxwebhu lwezikhalazo kwiSakhiwo soMdibaniso ePitoli.

"Sidanile, kwaye enyanisweni, siziva sithukwa yile mpendulo ekude lee kwinyani ekhohlakeleyo abasetyhini eMzantsi Afrika abajongana nayo yonke imihla.

"I-NDMC igxininisa ukuba iGBVF ayinakuchazwa njengentlekele kuba kukho “izikhokelo ezikhoyo,” ezifana nesicwangciso seNational Strategic Plan (NSP) kwiGBVF. Kodwa ezi zezona nkqubo sikhokelo zisileleyo," itshilo iWFC iphendula isigqibo seNDMC esingundabamlonyeni.

Kutshanje, umfundi waseNelson Mandela University (NMU), uSesethu Enhle Mboza, wazibulala emva kokudlwengulwa ngumfundi kwakule yunivesithi. Oku kudale isankxwe kwaye umbutho wabafundi eNMU, iSouth African Students Congress (SASCO), utyhole le yunivesithi ngokusilela ukukhusela uSesethu.

Ngaphambili, I’solezwe lesiXhosa lanika ingxelo ukuba iSASCO ivakalise ukungonwabi kwayo malunga nendlela le meko isingathwe ngayo yiNMU.

"Esi sehlo simanyumnyezi asiyontlekele eyenzeka kanye kuphela kodwa yimbonakaliso ebuhlungu yokusilela kwamaziko ukukhusela amaxhoba odlwengulo.

"Siphazamisekile ziingxelo zokuba umtyholwa wavunyelwa ukuba abuyele ekhampasini, nto leyo eyanyanzela uSesethu ukuba anyamezele ukungcungcutheka kanye kwindawo bekufanele ukuba ibe yindawo yakhe yokhuseleko," itshilo iSASCO yaseNMU.

USesethu ngomnye wamawakawaka amanina nabantwana abaphulukana nobomi babo ngenxa yobundlobongela obusekelwe kwisini minyaka le kweli lizwe.