Iindaba

Abantu baseMpuma Koloni bafanelwe bubunkokeli obusebenzayo, utsho uKnoetze

Cwayita Nondula|Published

Inkokeli yeDA eMpuma Koloni uGqirha Vicky Knoetze uthi iphondo lifuna ubunkokeli obusebenzayo.

Image: Vicky Knoetze MPL / Facebook

Inkokeli yeDemocratic Alliance (DA) eMpuma Koloni, uGqirha Vicky Knoetze, uthi abantu baseMpuma Koloni bafanelwe bubunkokeli obusebenzayo, oku kusemva kokuba ingxelo yeStatistics South Africa (Stats SA) ibonise ukuba linyukile izinga lentswelongqesho ephondweni.

Izinga lentswelongqesho eMpuma Koloni linyuke laya kutsho ku41.2%, nto leyo eyenza ukuba libe lelona phondo linezinga liphezulu elizweni, ngelixa izinga lentswelongqesho kuMzantsi Afrika lilonke lehlile laya kutsho ku31.9%. Ukongeza, ibikuphela kwephondo elinike ingxelo ngelahleko yemisebenzi, liphulukene nemisebenzi engama53 000 ngexesha apho ingqesho inyuke ngama248 000 kwilizwe liphela.

"Ngelixa iNkulumbuso iphila ngokukhanyela, amanani athetha kakhulu. IMpuma Koloni ayiphucuki, ibuyela umva.

"Iintsapho kwiphondo liphela zithwaxwa yintlupheko njengoko ababeka isonka etafileni belahlekelwa yimisebenzi. Ukudendwa ngakunye kubonisa umzi ongenamvuzo kunye noluntu oluphantsi koxinzelelo. Ukulahleka kwemisebenzi engama53 000 kwikota enye, kwiphondo esele lithwele owona mthwalo unzima wentswelongqesho, yimeko engxamisekileyo kwezentlalo nezoqoqosho," utshilo uGqirha Knoetze.

UGqirha Knoetze uthe la manani aqinisekisa into elumkiswe yiDA, eyokuba ukudodobala koqoqosho, ulawulo olulambathayo, kwaye ngoku nefuthe lezinto ezifana nokunyuswa kwerhafu yaseMelika kwiimveliso zaseMzantsi Afrika lifaka eli phondo nzulu engxakini.

"Eli xesha lokunyuswa kwerhafu yaseMelika kwiimoto nezinye iimpahla lingqamana ngokuthe ngqo neli xesha liphantsi kovavanyo, neliqinisekisa iziphumo ezimbi zokuncitshiswa kwamaxesha okusebenza, ukuvalwa kweenkampani ezivelisa iimoto, kunye nokwehla kwezinto ezithunyelwa kumazwe angaphandle, kwimisebenzi. Iinkcukachamanani zibonisa ukuba yimisebenzi engama28 000 elahlekileyo kwicandelo lezemveliso kwiphondo kwisithuba esi," utshilo.

Le nkokeli yeDA kweli phondo ithi imeko yeli phondo imbi kakhulu ngenxa yezikhukhula zenyanga yeSilimela kulo nyaka, iingxaki zeziseko ezingundoqo eziqhubekayo, nokunqongophala kwemali koomasipala.

Kwinqaku lephephandaba I’solezwe lesiXhosa, iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane uvakalise ukungonwabi kwakhe kukuhla kwemisebenzi ephondweni.

"Siqhubela phambili nokusebenzisana namashishini azimeleyo ukuze siqinisekise ukuba akukho mntu oshiywa ngaphandle kuqoqosho esifuna lubandakanye wonke umntu.

"Sifuna ukuqinisekisa abantu ukuba uRhulumente wephondo ukubeke phambili ukudalwa kwemisebenzi ngokutyala imali kwiziseko zoluntu ezingundoqo, uxakathisa ulutsha ngezakhono nokuxhasa amashishini asakhulayo," utshilo uMabuyane.