IKomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika iza kukhupha ingxelo yobume bezikolo
Image: Umfanekiso ogciniweyo
IKomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (SAHRC) iza kuphehlelela ingxelo yayo yonyaka yemeko yezikolo eGoli namhlanje. Ingxelo ka2025 igxininisa imingeni ethintela ukonwabela ilungelo lemfundo esisiseko.
Kuthiwa ebutsheni balo nyaka iKomishoni ityelele izikolo zikarhulumente ezingaphezu kwe150 kuwo onke amaphondo alithoba ukuze ihlole ukulungela kwezikolo ukufundisa nokufunda kunyaka wokufunda ka2025.
"Olu tyelelo beluyinxalenye yeprojekthi yeKomishoni eyaziwa ngokuba yiMonitoring Project emva kwezikhalazo ezifakwe kuyo malunga nemingeni yokufikelela kwimfundo esisiseko njengoko kuchaziwe kwicandelo lama29 loMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ka1996. Imiceli mngeni ibandakanya ukusilela kweziseko ezingundoqo, ingxinano, ukunqongophala kogutyulo, kunye nokubhaliswa kade," sitshilo isithethi seSAHRC uWisani Baloyi.
Le projekthi ifumanise imingeni equlethwe kwingxelo kwaye kuya kwabelwana ngayo ngexesha lendibano namhlanje.