Iindaba

iANC isamkele isicelo sikaMchunu sokuba arhoxe okwethutyana emsebenzini

Cwayita Nondula|Published

iANC isamkele isicelo sikaMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu sokuba arhoxe okwethutyana emsebenzini wakhe.

Image: Henk Kruger/Independent Media

UNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC), uFikile Mbalula, uqinisekise ukuba umbutho usivumile isicelo sikaMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu sokuba arhoxe okwexeshana emsebenzini wakhe.

UMbalula ubhengeze kwindibano noonondaba ngoLwesibini eGoli ukuba uMchunu uza kurhoxa okwethutyana kumsebenzi wakhe kwikomiti elawulayo yombutho (NEC).

Oku kuza emva kokuba uMchunu ebekhe wacela ukuba athathe ikhefu kumsebenzi wakhe kwaye umbutho wasikhaba isicelo sakhe sokurhoxa kumsebenzi wakhe embuthweni.

Sithetha nje uMchunu ukwikhefu elikhethekileyo njengoMphathiswa wamaPolisa emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa embeke ekhefini kweyeKhala, kulandela izityholo zokungenelela kumsebenzi wamapolisa nophandwa kungokunje yiKomishini kaMadlanga kunye nekomiti yePalamente ephanda ngezityholo zikaMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi.

UMbalula uthe ngenxa yomsebenzi weKomishini kunye nento efunekayo kuye [uMchunu], akukwazeki ukuba sikhatywe eso sicelo.

"Yiyo loo nto ekhokele ikomiti esebenza kuzwelonke ukuba ivume isicelo sikaSenzo sokuba aphumle emsebenzini wakhe kusalindwe inkqubo eqhutywayo ngoku. Oku kwenzelwa ukuba angabi namthwalo emagxeni akhe," utshilo uMbalula ebhekisa kwiintatheli.