Iindaba

Amatyala oomasipala aseyingxaki

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana udize ukuba oomasipala basasokola ukubhatala uEskom.

Image: Photo: Phando Jikelo / RSA Parliament

Iyonke imali oomasipala abayityala uEskom inyuke yaya kutsho kwiR94.6-billion ukusuka kwiR55.3-billion enyakeni.

Ngaphandle kokuqaliswa kwenkqubo yokuphelisa amatyala kaEskom ngo2023, oomasipala basazama ukuhlawula amatyala abo andayo kule nkampani yombane.

Oku kudizwe nguMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana ngethuba enikezela ngengxelo yomgaqo nkqubo wohlahlo lwabiwo mali lwesigaba esiphakathi (MTBPS) namhlanje ngoLwesithathu, ePalamente eKapa.

UMphathiswa uthe oomasipala bahamba phambili ekuboneleleni ngeenkonzo eziyimfuneko, kodwa abaninzi banengxaki yokunqongophala kwezakhono ezibathintelayo ekuguquleni uhlahlo lwabiwo mali lube ziinkonzo ezithembekileyo.

"Ukusukela nge7 kuCanzibe 2025, oomasipala abangama47 bebesesematyaleni, nangona abangama24 bebekulungele ukucinyelwa amatyala (one-third write-off) emva kweenyanga ezili12 ezilandelelanayo zentlawulo kwaye abangama21 bebesoloko behlawula rhoqo," utshilo uGodongwana.

Nangona kunjalo, uthe amanyathelo ayathathwa ukuncedisa oomasipala ekunyuseni ingeniso, kuquka nokwandisa ukusetyenziswa kobuxhakaxhaka beebhokisi zombane (smart prepaid metering). Njengenyathelo lethutyana, oomasipala abatsala nzima baya “kutshintshela, apho kufanelekileyo, baye kwizivumelwano zeDistribution Agency Agreements (DAAs)”.

"Phantsi kwezi zivumelwano, uEskom uya kusebenzisa iinkonzo zombane koomasipala kangangexesha elichaziweyo, axhase ukumiselwa kwamaxabiso afikelelekayo kunye nokunciphisa ilahleko, aze ancedise ngokuqokelelwa kwamatyala.

"Ngeli xesha, oomasipala kuya kufuneka bakhethe eyona ndlela ifanelekileyo yonikezelo lweenkonzo, benze utshintsho ngokuba namaxabiso afikelelekayo kunye nokunciphisa izaphulelo," utshilo.

Oomasipala bayabongozwa ukuba basebenzise imali ephuma kwinkxasomali efana neMunicipal Infrastructure Grant (MIG) ukuze kuvuselelwe iziseko ezingundoqo zamanzi nombane, eziyindlela yokwenza ingeniso.

Ngaphambili, I’solezwe lesiXhosa belikhe lapapasha ingxelo ethi urhulumente woMzantsi Afrika ubhengeze inyathelo elikhulu eliya komeleza unikezelo lweenkonzo koomasipala, ngokufumana imali mboleko ye$925-million kwiBhanki yeHlabathi njengenxalenye yephulo elibanzi le$3-billion.

Le nkqubo yamabhongo yenzelwe ukunceda oomasipala ekwandiseni iinkonzo zabo kunye nokuphucula iziseko ezingundoqo ezidala, oko kuphawula ixesha elibalulekileyo kulawulo lwasekhaya elizweni.

Abaxhamla kweli phulo ngoomasipala beli abafana: neBuffalo City, iKapa, Ekurhuleni, iGoli, Tshwane, Thekwini, Mangaung, naseNelson Mandela Bay. Bebonke, aba masipala balikhaya kubantu abazizigidi ezingamashumi amabini anesibini (22 million) kwaye benza umyinge we85% woqoqosho lwaseMzantsi Afrika.