Inkokeli yeMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Mabuyane, ivakalise ukungonwabi kukulahleka kwemisebenzi okuchazwe nguStats SA kule veki.
Image: GCIS
Yimisebenzi eyi248 000 eveliswe nguMzantsi Afrika kwikota yesithathu yalo nyaka - kodwa kubekho ukuhla kwiphondo leMpuma Koloni. Oku kubhengezwe liqumrhu leenkcukachamanani, uStatistics South Africa (Stats SA), ekuqaleni kwale veki.
Ezi ziindaba ezincumisayo kuMzantsi Afrika oswantsuliswa luqoqosho oluqhwalelayo ngenxa yezinto ezininzi eziquka irhafu efakelwe yiMelika kwiimveliso eziphuma kweli lizwe. Noxa abantu abangaphezulu kweshumi elinesixhenxe lezigidi (17.1-million) besebenza eMzantsi Afrika - kodwa izigidi ezisibhozo zabantu zisagcakamele ilanga emakhaya ngenxa yokunqaba kwemisebenzi.
Kwikota yokuqala bekukhona ukunyuka kwentswelongqesho - kodwa ikota yesibini neyesithathu zinike ithemba ngoba kubekho inani elithembisayo lokuqeshwa kwabantu.
Kulindeleke kubekho ukufunquka nakweyesine ikota ngoba amashishini amaninzi athanda ukuxakeka kakhulu kwiinyanga zokugqibela enyakeni.
Iqondo lentswelongqesho eMzantsi Afrika lanyukela ngaphezulu kwe30% ngethuba likabhubhane (Covid-19) owashiya kubhubhe abantu abaninzi kwavalwa neenkampani ezaziqeshe abantu abaninzi.
Nangona kwezinye iindawo kuveliswe imisebenzi, kubekhona ukulahleka kwemisebenzi kwiphondo leMpuma Koloni. Lo nto ayimonwabisanga uRhulumente wephondo othembise ngokuqinisa amaphulo aza kukhokelela kuhlumo loqoqosho.
Ngokutsho kukaStats SA, iqondo lentswelongqesho liku41.2% ngoku. Lisuka ku39.5% ebelikuye kwikota yesibini. "Iinkcukacha ezikhutshiweyo azisonwanisanga singuRhulumente. Amanani ayabonisa ukuba sisajongene nengxaki kumacandelo ahlukeneyo kuqoqosho lephondo," itshilo inkokeli yephondo, uLubabalo Mabuyane.
"Siqhubela phambili nokusebenzisana namashishini azimeleyo ukuze siqinisekise ukuba akukho mntu oshiywa ngaphandle kuqoqosho esifuna lubandakanye wonke umntu.
"Sifuna ukuqinisekisa abantu ukuba uRhulumente wephondo ukubeke phambili ukudalwa kwemisebenzi ngokutyala imali kwiziseko zoluntu ezingundoqo, uxakathisa ulutsha ngezakhono nokuxhasa amashishini asakhulayo," utshilo uMabuyane.
IMpuma Koloni, exhathise ngeemveliso zeemoto, isesengxakini ngenxa yerhafu ephezulu ebekwe ezimotweni nakwiziqhamo zaseMzantsi Afrika ezingena kwimakethe yaseMelika.