UMzantsi Afrika uthathe inyathelo lenguqu ngokufumana imali mboleko yeBhanki yeHlabathi ($925-million) ukuxhasa ukuhanjiswa kweenkonzo koomasipala abasibhozo.
Image: Tripadvisor
Urhulumente woMzantsi Afrika ubhengeze inyathelo elikhulu eliya komeleza unikezelo lweenkonzo koomasipala, ngokufumana imali mboleko ye$925-million kwiBhanki yeHlabathi njengenxalenye yephulo elibanzi le$3-billion.
Le nkqubo yamabhongo yenzelwe ukunceda oomasipala ekwandiseni iinkonzo zabo kunye nokuphucula iziseko ezingundoqo ezidala, oko kuphawula ixesha elibalulekileyo kulawulo lwasekhaya elizweni.
Abaxhamla kweli phulo ngoomasipala beli abafana: neBuffalo City, iKapa, Ekurhuleni, iGoli, Tshwane, Thekwini, Mangaung, naseNelson Mandela Bay. Bebonke, aba masipala balikhaya kubantu abazizigidi ezingamashumi amabini anesibini (22 million) kwaye benza umyinge we85% woqoqosho lwaseMzantsi Afrika.
Ibhodi yabalawuli yeBhanki yeHlabathi iphumeze ngokusesikweni inkqubo yaseMzantsi Afrika yeMetro Trading Services Program (MTSP), ebhengezwe njengomsebenzi wokuqala wenkqubo yeProgram-for-Results (PforR) emiliselwe kweli lizwe. Le ndlela intsha yenkxasomali ijolise ekomelezeni uxanduva lokuphendula, imeko yezemali, kunye nokusebenza kakuhle kweenkonzo ezibalulekileyo zasedolophini phakathi kwaba masipala basibhozo.
UMlawuli weCandelo loMzantsi Afrika kwiBhanki yeHlabathi, uSatu Kahkonen, ugxininise ifuthe elinokubakho leMTSP, eyichaza njengenyathelo elibalulekileyo kubuhlakani phakathi koMzantsi Afrika neqela leBhanki yeHlabathi. “Lo msebenzi ulungiselelwe ukukhuthaza ukuphuculwa komsebenzi wokwenyani, uxanduva, kunye nohlaziyo lweziko ngokusebenzisa indlela esekelwe kwiziphumo, igalelo kubomi obungcono kunye neendlela zokuphila eMzantsi Afrika,” utshilo.
UMphathiswa wezeMali uEnoch Godongwana uyincomile le nkqubo, esithi linyathelo leminyaka emithandathu elilungiselelwe ngokukodwa ukuxhasa uhlaziyo lweenkonzo ezibalulekileyo ngelixa isomeleza ukomelela kwezixeko. “Oomasipala baya kufumana inkxasomali yenkuthazo ngokubonisa ukuphuculwa komsebenzi wokuhanjiswa kweenkonzo kumaziko afana nonikezelo lwamanzi nogutyulo, umbane, nolawulo lwenkunkuma,” utshilo.
Kwiminyaka yakutshanje, aba masipala baye bajongana noxinzelelo olwandayo ekuhanjisweni kweenkonzo, okuhlala kuphawulwa kukuhla kofikelelo, iinkonzo ezingathembekanga, ukungazinzi kwezemali, kunye notyalomali oluncinci kwiziseko ezingundoqo.
Njengenxalenye yeli phulo, izixeko ezihlangabezana neenjongo zazo ziya kunikwa ithuba lokufikelela kwingxowamali enkulu, ukuqinisekisa ukuba izibonelelo zemali zabiwa ngokusekelwe kwiziphumo ezizizo eziphunyeziweyo.
UMphathiswa uGodongwana ukwaqaqambise into yokuba uhlaziyo lweenkonzo zorhwebo lusebenza njengenyathelo eliphambili phantsi kweOperation Vulindlela Phase II, isicwangciso qhinga sikarhulumente esasungulwa kweyoKwindla kulo nyaka u2025 esijolise ekukhawuleziseni ukuphunyezwa kohlaziyo olubalulekileyo. Uhlaziyo olunjalo lubalulekile ekuququzeleleni ukuvuseleleka koqoqosho phakathi kwemingeni eqhubekayo.
Ukuqinisekisa ubunkokheli basekhaya obusebenzayo kunye nokuzinikela kuhlaziyo, uMphathiswa uye wabamba iingxoxo noosodolophu bomasipala ngamnye, egxininisa kwindlela yokukhokela olu tshintsho kumanqanaba asezantsi.
Le nkqubo yakhela phezu kwesiseko senkqubo yeNational Treasury’s Cities Support Programme (CSP), eyasekwa ngo2011 ukuze iphucule ulawulo kunye nokusebenza koomasipala. I-CSP ibe luncedo ekukhuthazeni uhlumo olubandakanyayo lweedolophu, kwaye njengoko iMTSP isebenza ngoku, kulindeleke ukuba ezona zixeko zikhulu zoMzantsi Afrika zikwazi ukuvuselela nokuphucula unikezelo lweenkonzo.