Ingqonyela kaHONOR South Africa ithi ibaphathele ifowuni enamandla abantu baseMzantsi Afrika.
Image: HONOR
Emva kokuba ngundabamlonyeni kwiiveki ezidlulileyo, ifowuni entsha ekuthiwa yiHONOR X7d igalelekile eMzantsi Afrika. Kulindeleke ukuba yenze isitshingitshane emakethe ngoba yifowuni esemgangathweni ophezulu.
Eyona nto eza kuyenza ithandeke kakhulu kukuba ixabisa iR3,999 kuphela kwiivenkile zaseMzantsi Afrika ezithengisa iifowuni.
Ezi ndaba ezimnandi kubathengi nabathandi beefowuni zibhengezwe nguHONOR, inkampani ephala phambili kwicala lokuvelisa iminxeba ephathwayo ezinobuchule bale mihla.
Emcimbini wokuphehlelelwa kweHONOR X7d bekukho abadlali abaphambili abaquka uThemba Zwane, uRonwen Williams abadlalela iMamelodi Sundowns noVincent Pule odlalela iSiwelele FC.
UMphathi kaHONOR South Africa, uFred Zhou, uthe abantu baseMzantsi Afrika ubaphathele ifowuni ekwaziyo ukumelana neengxaki zonke abajamelele nazo.
"Abantu baseMzantsi Afrika bayazi ukuba busoloko buneengxaki zabo - kodwa siyakholwa ukuba sibaphathele iifowuni eziza kucutha iingxaki zabo," utshilo uZhou emcimbini obuseGauteng.
Iifowuni zeminyaka edlulileyo eziquka iHONOR 400 Lite zincede uHONOR zambeka kwindawo yesithathu kuluhlu leenkampani ezineefowuni ezithengwa kakhulu eMzantsi Afrika.
Kulindeleke ukuba iHONOR Xd7 iqinise indawo kaHONOR kwimakethe yaseMzantsi Afrika ngoba yifowuni enomtsalane ngenxa yokwenziwa kwayo kakuhle.
Inekhamera ethatha imifanekiso emihle kanti ibalasele nakwiividiyo ezithandwa kakhulu ngabantu abatsha. Kodwa ezona zinto eziphambili lilahle (battery) elihlala ixesha elide.
Ifowuni entsha ikhuseleke ngendlela emangalisayo ngoba ayingenwa ngamanzi. Kwelinye icala inesisu esikhulu esigcina imifanekiso, iividiyo neenkcukacha ezibalulekileyo.