Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithathu ubudala idlwengule udade wayo oneminyaka emihlanu ubudala.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa aseLimpopo aphanda ityala lokudlwengula kulandela isiganeko apho inkwenkwana (13) ityholwa ngokudlwengula udade wayo (5) kwikhaya labo kwilali yaseMundzedzi, eBandelierkop, kwisithili saseVhembe.
Esi sehlo kutyholwa ukuba senzeke ngeCawe, umhla wesithoba kweyeNkanga 2025, malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini. Ngokweengxelo, ixhoba eliselula lidize kumzali walo ukuba ubhuti walo omdala ulibizele kwigumbi apho eli sikizi lenzeke khona.
"The victim was rushed to a local hospital for medical examination, where the medical personnel confirmed that the child had been sexually assaulted," sitshilo isithethi samapolisa aseLimpopo uColonel Malesela Ledwaba.
UColonel Ledwaba ungqinile ukuba ityala lokudlwengula livuliwe kwisikhululo samapolisa eBandelierkop kwaye lidluliselwe kwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana nolwaphulomthetho ngokwesondo (FCS) eMakhado ukuze kuqhutyekwe nophando.
Umrhanelwa usephantsi kweliso labazali bakhe njengoko kusalindwe uvavanyo lwegosa, ngokungqinelana nomthetho weChild Justice Act, itsho ingxelo yamapolisa.
UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, uvakalise umothuko nenkxalabo emandla ngesi siganeko siphazamisayo kutyholwa ukuba sibandakanya abantwana abasebancinci.
"Iyasikhathaza kakhulu into yokuba siqhubeke sibona izenzo ezimanyumnyezi ezinjalo ezibandakanya abantwana, ngakumbi kwiimeko zentsapho. Into yokuba umntwana omncinci kangaka unokutyholwa ngokwenza isenzo solwaphulomthetho esibi ngolo hlobo kumntakwabo ixhalabisa kakhulu kwaye iphakamisa imibuzo enzima malunga nokubekwa kweliso kwabantwana, ukufikelela kwizinto ezingafanelekanga, kunye nokungenelela kwangethuba," utshilo uLieutenant General Hadebe.
UMkomishinala wePhondo ubongoze abazali kunye nabagcini babantwana ukuba babeke iliso kwindlela abantwana babo abaziphatha ngayo, ukufikelela kwabo kwizinto ezibukelwayo nobuchwepheshe, kunye nokudala iindawo ezikhuselekileyo apho abantwana banokuxela iimeko ezingathandekiyo ngaphandle koloyiko.
Uphando lwamapolisa luyaqhuba.
Ziyanda iziganeko ezinje apho kudlwengula abantwana abangamakhwenkwe – kutshanje, kwakweli phondo, inkwenkwe (14) idlwengule intwazana (6) kwaye ijongene netyala elifanayo.