Iindaba

Inkwenkwe, 14, idlwengule intwazana, 6 – amapolisa ayaphanda

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa aphanda ityala lokudlwengula emva kokuba inkwenkwe (14) idlwengule intwazana (6) eLimpopo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa aseGiyani, eLimpopo aphanda ityala lokudlwengula kulandela isiganeko apho inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ekutyholwa ukuba idlwengule intwazana eneminyaka emithandathu ubudala kwilali yaseMakumeke, ngaphandle kwaseMalamulele, kwiSithili saseVhembe kule mpelaveki idlulileyo ngoMgqibelo, umhla wesibhozo kweyeNkanga 2025, malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya.

Icandelo lamapolisa elijongene nobundlobongela kusapho, ukhuseleko lwabantwana kunye namatyala ezesondo (FCS) liphethe eli tyala lothuse abahlali bale lali yaseLimpopo.

Isithethi samapolisa eLimpopo, uColonel Malesela Ledwaba, uthi ngokweengxelo zokuqala, ixhoba ligoduke liphethe iilekese kwakunye nezinto ezimnandi. Xa ebuzwa ukuba uzithengelwe ngubani, umntwana wachaza igama lomrhanelwa.

"Emva koko umntwana wakhalaza ukuba amalungu akhe angasese abuhlungu. Umama ngokukhawuleza wathatha intombi yakhe wayisa kwisibhedlele sasekuhlaleni ukuba ihlolwe ngugqirha, apho abasebenzi bezonyango baqinisekisa ukuba umntwana udlwengulwe," utshilo uLedwaba.

ULedwaba uqhube wathi emva koko umntwana wadiza kumama wakhe ukuba umrhanelwa wamloba ukuba ayongena ematyholweni apho wamdlwengulela khona.

"Ityala lokudlwengula lavulwa kwisikhululo samapolisa aseMalamulele ze kwangoko ladluliselwa kwicandelo laseGiyani leFCS ukuze liphandwe ngokucokisekileyo," utshilo uLedwaba.

ULedwaba ukwangqinile ukuba amapolisa amfumana ngokukhawuleza umrhanelwa. Ukhululwe phantsi kweliso labazali bakhe kwaye ngeCawe kwimpelaveki ephelileyo wabekwa ityala ngokusesikweni.

UMkomishinala wamaPolisa eLimpopo, uLieutenant General Thembi Hadebe, uvakalise ukuxhalaba ngesi sehlo kwaye ugxininise ubuzaza amapolisa awuphatha ngalo mba.

"Siphanda eli tyala likhathaza kakhulu libandakanya umntwana osemngciphekweni. Izityholo zezenzo zokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo kuluntu lwethu ziza kujongwana nazo ngengalo yomthetho.

"Abacuphi bethu becandelo leFCS basebenza ngokuzimisela ukuqinisekisa ukuba kwenziwa uphando olunzulu nolubanzi. Sizibophelele ekuqinisekiseni ubulungisa kwixhoba, logama sikwakhusela bonke abantwana kwiphondo lethu kwizenzo ezimanyumnyezi ngolo hlobo," utshilo uLieutenant General Hadebe.

Uphando lwamapolisa luyaqhuba.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseMalamulele kungekudala.