Ukhululwe ngesilumkiso uSiyabulela Pati (33) waseMonti ogqumze uRAF.
Image: Henk Kruger/ Independent Newspapers.
USiyabulela Pati (33) waseMonti, obebanjelwe ukuxokisela iRoad Accident Fund (RAF) nephantse yaphulukana nemali engangeR600 000, kulindeleke ukuba avele kwakhona enkundleni kwinyanga ezayo.
UPati ubanjwe licandelo leeHawks elijongene namatyala anobuzaza (SCCI) eMonti, ngoLwesine, umhla wesithandathu kweyeNkanga 2025. Wavela enkundleni kwangalo mini waze wakhululwa ngesilumkiso.
Ngokutsho kwesithethi seeHawks, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, ukubanjwa kukaPati kulandela uphando olunzulu ngebango lobuqhophololo elafakwa kwiRAF ngomhla weshumi elinesithandathu (16) kweyeKhala ngonyaka ka2021.
“Umrhanelwa watyhola ngelithi ebekhwele kwimoto eye yagilana nenye eQumza Highway eMdantsane.
“Umrhanelwa wabanga ukuba wophuka ibambo yesithandathu kunye wonzakala kwiindawo ezithile zomzimba ngenxa yale ngozi,” utshilo uMhlakuvana.
Kuthiwa ngophando olunzulu kunye nokuqinisekiswa kweengxelo zengozi, iRAF ngokubambisana neeHawks, yafumanisa ukuba umtyholwa uxokile.
Kwafunyaniswa ukuba ebengengomkhweli njengoko ebetshilo, kodwa ebengumqhubi wemoto yesibini ebibandakanyeke kwingozi.
“Njengomqhubi ebengafanelanga kufumana mbuyekezo ipheleleyo njengomkhweli kodwa ebenokubanga imali encinci phantsi komgaqo wokungabinankathalo [endleleni],” utshilo uMhlakuvana.
Izenzo zobuqhophololo zikaPati zabangela ukuba iRAF iphantsi ilahlekelwe yimali emalunga neR600 000.
Lo mba uye wadluliselwa kwiDPCI ukuze kuphandwe ngakumbi, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni komrhanelwa nge6 kweyeNkanga 2025.
Umtyholwa uvelile phambi kwenkundla kamantyi waseMonti, kwaye ityala lahlehliselwa umhla wesibini kweyoMnga 2025 ukuze kuqhubeke ityala.