Iindaba

UTrump usaqhubeleka nokugxeka uMzantsi Afrika

Cwayita Nondula|Published

UDonald Trump usabetha inqindi phantsi ngoMzantsi Afrika.

Image: Mandel NGAN / AFP

NgoLwesithathu, uMongameli waseMelika uDonald Trump uthe uMzantsi Afrika mawususwe kwiG20 kwaye akazukuzimasa iNgqungquthela yeeNkokeli zeG20 eGoli ekupheleni kwale nyanga.

UMzantsi Afrika ulungiselela ukusingatha le ngqungquthela kwaye uSekela Mongameli waseMelika, uJames David "JD" Vance, kulindeleke ukuba azimase endaweni kaTrump.

Ethetha kwiqonga leAmerican Business Forum eMiami kutshanje, uTrump uthe uMzantsi Afrika akufuneki ube kwiG20. "Jonga eMzantsi Afrika kwenzeka ntoni. Sinendibano yeG20 eMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika akufuneki nokuba ube kwiGs, kuba le nto yenzekileyo imbi.

"Andiyi, ndabaxelela ukuba andiyi. Andizukumela ilizwe lethu apho. Akufunekanga ibekho," utshilo uTrump.

UTrump uhlala etyhola uMzantsi Afrika ngokuhlutha umhlaba wamaBhulu nokubaphatha kakubi. Ubize le mpatho "ukunyhashwa kwamalungelo oluntu." Nangona urhulumente woMzantsi Afrika sele enze iinzame ezininzi zokumlungisa, esithi uTrump ukholelwa kulwazi olungachanekanga ngelizwe.

Ekuqaleni kwalo nyaka, uTrump wamema amaBhulu ukuba abe ziimbacu kwela lizwe, kwaye iqela lokuqala lafuduselwa eMelika, nabanye balandela.

Ukungaboni ngasonye phakathi kweMelika noMzantsi Afrika kukhokelele ekubeni unozakuzaku woMzantsi Afrika obesebenza eWashington eMelika ukuba agxothwe kwaze kwahlawuliswa irhafu engama30% kwiimpahla zoMzantsi Afrika, phakathi kwezinye izinto. Oku kongezelela ekubeni iMelika imise uncedo lwemali kwimibutho yaseMzantsi Afrika ebikade ifumana inkxasomali.

INgqungquthela yeeNkokeli zeG20 iya kubanjelwa eNasrec Expo Centre eGoli ngomhla wama22 nowama23 kweyeNkanga 2025.