Umfundi waseNelson Mandela University uSesethu Enhle Mboza ozibulele emva kokudlwengulwa ngomnye umfundi.
Image: Facebook
Ukubhubha komfundi waseNelson Mandela University uSesethu Enhle Mboza nozibulele emva kokudlwengulwa ngomnye umfundi kudale isankxwe. Ubhubhe ngoLwesihlanu, nge31 kweyeDwarha 2025.
Umbutho wabafundi eNMU, iSouth African Students Congress (SASCO), uthe 'eli ziko lohlulekile ukukhusela uSesethu.' Lo mbutho wabafundi uvakalise unxunguphalo lwabo ngokubhubha kukaMboza.
"Esi sehlo simanyumnyezi asiyontlekele eyenzeka kanye kuphela kodwa yimbonakaliso ebuhlungu yokusilela kwamaziko ukukhusela amaxhoba odlwengulo.
"Siphazamisekile ziingxelo zokuba umtyholwa wavunyelwa ukuba abuyele ekhampasini, nto leyo eyanyanzela uSesethu ukuba anyamezele ukungcungcutheka kanye kwindawo bekufanele ukuba ibe yindawo yakhe yokhuseleko," itshilo iSASCO yaseNMU.
I-SASCO igrogrise iYunivesithi ngelithi iza kupapasha igama lomrhanelwa ukuba le Yunivesithi ayilikhuphi igama lakhe. "Iyunivesiti kufuneka ilikhuphe igama lesi sigebenga okanye thina njengeSASCO siya kuthi ngandlela zonke silifumane kwaye sincamathisele umfanekiso walo kwikhampasi yonke. Umdlwenguli okhohlakeleyo onje kufuneka aziwe ngumfundi ngamnye, ngubani owaziyo ukuba bangaphi abantu abenze le nto ayenzileyo kuSesethu?" batshilo.
Bathe benze uxwebhu lwezikhalazo befuna ubulungisa ngakuSesethu. "Siza kulithumela kuMantyi nakwiziphathamandla ezifanelekileyo nakubaphathi beYunivesithi," itshilo iSASCO.
Umbutho olwela amalungelo amanina nabantwana, iWomen For Change, uthi bothukile sesi sehlo.
"IWomen For Change yothuke kakhulu kwaye iyacaphukiswa yinto yokuba umfundi otyholwa ngokudlwengula avunyelwe ukuba abuyele ekhampasini, indawo kanye apho ixhoba lakhe bekufanele ukuba liziva likhuselekile kwaye lixhasiwe. Oku ayikokusilela nje kovelwano kuphela kodwa kukungakhathaleli ngokupheleleyo ukhuseleko kunye nempilontle yengqondo yamaxhoba.
"Iphi imigaqo nkqubo yoBundlobongela obuSekelwe kwiSini (GBV) ekufuneka iiyunivesithi zibe nayo ukukhusela abafundi bazo? Amaxhoba akufuneki aphinde abuyele kwintlungu yawo ngokunqubana endleleni nabenzi bobubi," itshilo iWomen For Change.
Lo mbutho ubongoze iYunivesithi yaseNelson Mandela kunye nawo onke amaziko emfundo ephakamileyo ukuba athathe uxanduva olupheleleyo kwaye omeleze ngokukhawuleza iindlela zokusabela kwiGBV.
"Akukho xhoba kufuneka lishiywe liziva lingakhuselekanga, lingaviwa, okanye lingaxhaswanga kwindawo yokufunda."
IYunivesithi ithumele amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zabo bonke abafundi abathe basweleka kutshanje.
USesethu ebesenza unyaka wesibini efundela isidanga seBachelor of Arts. Ungomnye wabafundi abahlanu abasweleke kwisithuba seeveki ezintathu kule Yunivesithi.