Iindaba

INYANGA YOKHUSELEKO | Amaphulo avelise iziphumo ezincumisayo

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni uXolile Nqatha ukhokele iphulo lokhuseleko eRhafu.

Image: Department of Transport and Community Safety

Namhlanje uMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ukhokele amaphulo okhuseleko kuhola wendlela uN9 phakathi kweRhafu neAberdeen ukuhlakulela ukusungulwa kweNyanga yoKhuseleko ukuqinisekisa ukuba ixesha leziyunguma likhuselekile.

UNqatha usungule iNyanga yoKhuseleko eBotanical Gardens Club & Sports Bar eRhafu namhlanje, ngoLwesithathu, umhla wesihlanu kweyeNkanga 2025. Oku bekuyintsebenziswano phakathi kweSebe kunye neNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) neSithili saseSarah Baartman.

Bekukho amaphulo phambi kokusungulwa ngokusesikweni kweNyanga yoKhuseleko apho la maphulo aqhutywayo abe neziphumo ezincumisayo. La maphulo akhokelela ekubeni kubanjwe abantu, abanye bohlwayo kwaze kwafunyanwa nemoto ebiweyo.

Amaqela omthetho awohlukeneyo aquka iSAPS, amagosa ezendlela ephondo nawomasipala, kubandakanywa neenkampani zabucala zokhuseleko bezibandakanyeka kula maphulo.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthe zizonke izohlwayo zendlela ezixabisa iR24 000 zikhutshwe ngexesha lokuvalwa kwendlela okwenzeke kuN9 izolo, ngoLwesibini umhla wesine kweyeNkanga 2025.

"Iphulo lobuntlola likhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa abangamashumi amabini (20), kwaye phakathi kwabo kukho indoda ebanjwe ngenxa yokuba nemoto ebiweyo eMakhanda. Uphando lokuqala luveze ukuba le moto yabiwa eAddo kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo," uqinisekise watsho uNkohli.