Iinqwelomoya eziya eLanseria ziyafumaneka ngoku kwizikhululo zeenqwelomoya zaseMpuma Koloni.
Image: Henk Kruger / Independent Media
Inkampani yeenqwelomoya iFlySafair yongeze iindawo zokuhamba ezibini ezitsha ukusuka kwisikhululo seenqwelomoya iLanseria International Airport ukuya eKing Phalo Airport naseChief Dawid Stuurman International Airport eMpuma Koloni.
IAirports Company South Africa (ACSA) ikwamkele oku. IFlySafair iza kuqalisa ukuthutha ukusuka eLanseria ukuya kwisikhululo seenqwelomoya iChief Dawid Stuurman kasixhenxe ngeveki, iqale ngeCawa, umhla wokuqala kweyeNkanga 2025, ngelixa le ndawo intsha yokuhamba ukusuka eLanseria ukuya kwisikhululo seenqwelomoya iKing Phalo iza kuthutha kathandathu ngeveki kwaye iqale ngeCawa, umhla wesibini kweyeNkanga 2025.
Le ndawo intsha yohambo kulindeleke ukuba iqinisekise ukuhamba lula ebantwini kwaye ikhulise uqoqosho lwaseMpuma Koloni.
Isithethi seACSA, uOfentse Dijoe, uthe uhambo lwasekhaya ngoku lunegalelo elingaphezulu kwe69% yothungelwano lwezikhululo zeenqwelomoya zeACSA. "Njengoko iFlySafair isongeza indawo entsha emarikeni, singathanda ukubona olu tshintsho lukhuthaza ukuhamba kwaye lukhawulezisa iinqwelomoya ezihambayo," utshilo uDijoe.
Oku kukwadlala indima ebalulekileyo ekuqhubeleni ezi zikhululo zeenqwelomoya zibini zaseMpuma Koloni ukuba zibuyele kwimeko encomekayo kweli xesha elisemva kweKhorona, nethe yadlala indima ekuthobeni uqoqosho, kwaye zizibeke kwindlela ezinzileyo yohlumo oluhle.
UNicola Smith, onguMphathi wesikhululo seenqwelomoya iKing Phalo Airport eMonti, uthe le ndawo intsha iza kufaka isandla kakhulu ekukhuthazeni ukukhula kulo mmandla, eqaqambisa indlela isikhululo seenqwelomoya esiza kujolisa ngayo ukuqhubeka sisebenzisana namahlakani eenkampani zeenqwelomoya ukuqhuba uzinzo kwimarike ukuqinisekisa ukuba ukuhamba ngenqwelomoya kuhlala kufikeleleka, ukuze kuxhamle bonke abo basebenzisana nabo.
UMphathi wesikhululo seenqwelomoya iChief Dawid Stuurman International Airport eGqeberha, uClaudia Daniels, naye wamkele ezi nqwelomoya ezongezelelweyo eziza kuya eLanseria, egxininisa indima yazo ekomelezeni unxibelelwano lwezoshishino phakathi kwale mimandla mibini nokuphucula unxibelelwano emoyeni.
Ingqonyela yeEastern Cape Parks & Tourism Agency, uVuyani Dayimani, naye uphefumle ngalo mba. Uthe ezi ndawo zokufikela eMpuma Koloni ziza kwenza kube lula kubakhenkethi ukuba bafikelele kwizinto ezahlukeneyo zeli phondo, ezifana neendawo zolondolozo lwendalo namalwandle ukuya kwinkcubeko nemisitho, logama kuvula amathuba okwenene kumashishini amancinci noluntu kwiphondo liphela.
UDayimani wongeze ngelithi bayakwamkela ukuzibophelela kweFlySafair ekuphuculeni ukufikelela eMpuma Koloni nokunceda ekuyibekeni njengeyona ndawo iphambili kubakhenkethi.