Iindaba

Kutshatyalaliswe oomatshini bokungcakaza abangekho mthethweni eMpuma Koloni

Cwayita Nondula|Published

Oomatshini bokungcakaza abangekho mthethweni abathinjwa kwiindawo ezininzi eMpuma Koloni batshatyalaliswa.

Image: Uthunyelwe

IBhodi ejongene nokungcakaza eMpuma Koloni (ECGB) iqale iphulo layo lenyanga yeNkanga elikhuthaza ukungcakaza ngenkuthalo ngokutshabalalisa oomatshini bokungcakaza abangekho mthethweni abangaphaya kwamakhulu amahlanu (500) (oomatshini beChinese Roulette) abathinjwa kwiindawo ezahlukeneyo kwiphondo liphela.

Le Bhodi iqalise eli phulo ngoLwesihlanu, umhla wama31 kweyeDwarha 2025. Aba matshini bathinjwa ngethuba lentsebenziswano ebiqhutywa licandelo labahloli beECGB kunye neNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika (SAPS) kwiidolophu ezahlukeneyo zeMpuma Koloni.

UVuyelwa Vika onguSihlalo weECGB uthethe wenjenje ngoomatshini bokungcakaza abangekho mthethweni: "Ukonakaliswa koomatshini bokungcakaza abangekho mthethweni kubonakalisa iziphumo zeenzame zentsebenziswano eziqhubekayo phakathi kweBhodi nabasemagunyeni ukunqanda izenzo zokungcakaza ezingekho mthethweni kwiphondo. 

"Amaphulo anje akhusela uluntu lwethu kwizenzo ezingekho mthethweni kwaye aqinisekise ukuba abantu ababonelela ngezi nkozo nabasebenzisa iimpepha basebenza phantsi kobume obufanelekileyo nolawulwayo."

Abantu abaninzi eMzantsi Afrika bangamakhoboka okungcakaza. Iingxelo zithi abafundi bade basebenzise iimali zabo zesibonelelo zikaNSFAS ukungcakaza phezu kwabantu abasebenzisa izibonelelo zabo zakwaSASSA ukungcakaza.

UVika uthe izenzo zokungcakaza ezingekho mthethweni ziphanga uqoqosho lwephondo izigidi zeerandi kwingeniso yerhafu enokubakhona. "Ababoneleli abangekho mthethweni abafaki galelo kwimeko yezimali yephondo. Wonke umatshini ongekho mthethweni osebenzayo ubonakalisa ilahleko kwingeniso ebinokuthi isetyenziswe ekuphuculeni iinkonzo zoluntu eMpuma Koloni," utshilo Vika.

UMabutho Zwane, oyiNgqonyela yeECGB, uwabethelele amazwi kaVika waphinda wakhankanya ukuba ngaphezulu kwe90% yaba matshini bangekho mthethweni bafunyanwa kwiivenkile zabemi bamazwe angaphandle, ekufumaneka ukuba abanye babo abanawo namaphepha asemthethweni okuba sezweni.

UZwane uqhube wathi iECGB iza kuqinisa umyalezo wayo wokwazisa uluntu ukuze ithintele ukungcakaza okungekho mthethweni nolugqithisileyo ingakumbi ngexesha leziyunguma, apho abantu banokuhendeka babhenele ekungcakazeni ngeemali zabo zebhonasi.

IBhodi iyaqhubeka nokubhenela kuluntu ukuba luchaze naziphi na izenzo ezikrokrisayo okanye ezingekho mthethweni zokungcakaza. "Sikhuthaza uluntu ukuba lusebenzisane nathi. Sikunye, singancothula iingcambu zokungcakaza ezingekho mthethweni kwaye sikhuthaze ukungcakaza ngenkathalo kwiphondo liphela," utshilo uZwane.