Iindaba

Inkundla iyalele uZuma ukuba ahlawule iR28.9 million

Cwayita Nondula|Published

Inkundla iyalele uJacob Zuma ukuba ahlawule imali engaphezu kwamashumi amabini ezigidi zeerandi.

Image: Independent Media

Owayesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma uyalelwe ukuba ahlawule imali yabarhafi engaphaya kwamashumi amabini ezigidi zeerandi (R28.9 million) eyachithwa kwityala lakhe lobuqhophololo.

NgoLwesithathu iNkundla ePhakamileyo yasePitoli iwise isigwebo, iyalela uZuma, nonguMongameli weMK Party ngoku, ukuba ahlawule imali eqokelelene kwiminyaka engamashumi amabini (20) equka inzala, kwisithuba seentsuku ezingamashumi amathandathu (60).

Ukusilela ukuhlawula kuya kubangela ukuba izinto zakhe zithengiswe ukuze kuhlawulwe ityala lakhe njengoko uJaji Anthony Millar enike imvume kwigqwetha lombuso ukuba lenze njalo. Imali yakhe yomhlalaphantsi yobumongameli nayo isesichengeni sokutsalwa, nangona kunjalo oku kusaxhomekeke kwinkundla ukuba iyayi gunyazisa eli nyathelo kusinina.

Amagqwetha kaZuma aye amthethelela ngelithi le mali ihlawulwe kwiqela lamagqwetha akhe ngokweengcebiso zikarhulumente ngokwasemthethweni.

Inzala yetyala kuthiwa iza kubalwa ukususela kweyeDwarha ka2021, kwaye igqwetha lombuso kufuneka linike ingxelo enkundleni rhoqo emva kweenyanga ezintathu malunga neenzame zokubuyisela le mali.