INgqonyela kaEastern Cape Liquor Board, uNombuyiselo Makala, ibatyityimbisele umnwe abathengisela abantwana utywala.
Image: Facebook
Iqumrhu elilawula ukuthengiswa kotywala kwiphondo leMpuma Koloni, iEastern Cape Liquor Board, liphehlelele iphulo elichasene nokuselwa kotywala ngabantwana besikolo.
Unyaka nonyaka, xa begqiba ukubhala iimviwo, abantwana basokolo benza imibhoyozo (Pens down) ngokusela utywala. ULiquor Board namapolisa babongoze abantwana besikolo ngelithi mabohlukane nokusela utywala egameni lokuba bayazonwabisa.
Kuthethwe oku emcimbini obubanjelwe eMdantsane ngentsasa yangoLwesithathu wale veki. Ngonyaka ka2022, abantwana abangamashumi amabini ananye (21) basweleka kwindawo yentselo ekwakuthiwa kuseNyobeni ekwilokishi yaseScenary Park, eMonti.
Akukacaci nanamhlanje okwakufakwe etywaleni ababuselayo ngoba kwabhubha bona bodwa besele eNyobeni emva kokuphela kweemviwo zaphakathi enyakeni. Ukusukela ngoko, akukabikho siqabu kwicala lokuselwa kotywala ngabantwana abancinane.
Ukuselwa kotywala ngokugqithisileyo yingxaki ephethe kakubi iphondo leMpuma Koloni nelizwe lonke. INgqonyela kaEastern Cape Liquor Board, uNombuyiselo Makala, ithe bathumela umyalezo ebazalini othi mabagade abantwana babo bangaseli utywala.
"Ayikokokuqala sisenza eli phulo. Saliqala ngonyaka ka2021 futhi inkqubela esiyenzileyo iyancomeka," utshilo uMakala ethetha kwiSABC News. Uthe iinzame zabo zifunqulwe ngabafundi abakhetha ukuba ngoonozakuzaku abafundisa abanye ngobungozi bokusela utywala.
"Basinceda kakhulu abafundi ngoba siva ngabo ngoku xa kukho abanye abacwangcisa iindibano zentselo (Pens down parties). Inani leendibano ekuselwa kuzo utywala ngabafundi lehlile," utshilo uMakala.
Uthe abafundi bangazonwabisa akabanqandi - kodwa hayi ngotywala. Njengokuba abathengisi botywala bethengisela nokuba ngubani, uMakala ubatyityimbisele umnwe ngelithi baza kuthathelwa amanyathelo aqatha.
"Sithi mabohlukane nokuzintyintya ngotyala abafundi ngoba isoloko iba neziphumo ezibi lo nto. Abathengisi botywala mabohlukane nokuthengisela abantwana abancinane.
"Umthetho uthi mabafune isazisi xa bebona ukuba kuthenga umntu omncinane. Baza kohlwaywa kakhulu ukuba bavumela abantwana kwiindawo zabo zentselo," utshilo uMakala.