Banqunyanyisiwe abafundi abasibhozo ababandakanyekayo kwisiganeko sokubethwa komfundi wakwaGrade 10 kwisikolo samabanga aphakamileyo iMilnerton.
Image: Facebook
Isikolo samabanga aphakamileyo iMilnerton eKapa sinqumamise abafundi abasibhozo kulandela isiganeko sokubetha omnye umfundi apho ividiyo yesi siganeko ithe yajikeleza kumakhasi onxibelelwano.
Isigqibo sokunqunyanyiswa kwaba bafundi silandela iziphumo zokuqala, iBhunga loLawulo leSikolo likuvumile ukunqunyanyiswa kwabafundi abasibhozo.
Esi sigqibo sathathwa ngenjongo yokuqinisekisa inkqubo yoluleko enobulungisa neselubala, logama sibeka phambili ukhuseleko nempilo entle yabo bonke abafundi esikolweni, siqinisekise satsho isithethi seSebe lezeMfundo eNtshona Koloni, uBronagh Hammond.
Kuthiwa abafundi abanqunyanyisiweyo ngoku baza kujongana neendibano zoluleko ezisesikweni ngokungqinelana nemigaqo yoluleko echaphazelekayo.
"Ukongeza, uloluleko lwengqondo nenkxaso iyabonelelwa kwaye iya kuqhubeka ifumaneka kwabo bachaphazelekayo," utshilo uHammond.
ISebe lezeMfundo eNtshona Koloni libongoze uluntu ukuba lohlukane nokwabelana okanye ukusasaza ividiyo yesi siganeko.
"Ukusasazwa kwento elolu hlobo akuchaphazeli nje ukuxhwaleka kwexhoba, koko kujongela phantsi amalungelo nesidima sabo bonke abafundi ababandakanyekayo. Sikhumbuza uluntu ngoxanduva lwethu sonke lokukhusela abantwana kunye nokuthobela ilungelo labo lokhuseleko," utshilo uHammond.
Le vidiyo, nejikeleza kumakhasi onxibelelwano, ibonisa umfana owenza uGrade 10 ebethwa ngezinto ezahlukeneyo ngabanye abafana, kwaye icaphukise uluntu.
Abazali nemibutho eyahlukeneyo baqhankqalaze ngaphandle kwesikolo ngoLwesithathu bebonakalisa inkxaso ngakwixhoba.