UShoprite uxhase amakhulu amathathu eentsapho ezihlelelekileyo zaKwaZakhele.
Image: Uthunyelwe
Ukubhiyozela usuku lokutya lwehlabathi, uShoprite ngentsebenziswano neSebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwasemaPhandleni kutshanje baye banikezela ngeziqhuma zokutya kwiintsapho ezingamakhulu amathathu (300) zaseLilian Ngoyi, KwaZakhele, eGqeberha.
Umphathi olawulayo weShoprite Foundation, uMaude Modise, udize ukuba uShoprite utyale imali engaphaya kwamakhulu amane ezigidi zeerandi (R453 million) ukuxhasa abantu boMzantsi Afrika kwiinzame zokulwa indlala.
UShoprite ubambisene neSebe lezoLimo, uBuyekezo lweMihlaba noPhuhliso lwamaPhandle banike ukutya kumakhulu amathathu eentsapho ezihlelelekileyo zaKwaZakhele.
Image: Uthunyelwe
"Siyalamkela inyathelo leSebe lokunceda ukulwa indlala kunye nokugxila kwintsebenziswano namashishini abucala, urhulumente kunye noluntu. Kulo nyaka uphelileyo, le nkampani ityale imali engaphaya kweR453-million ukuxhasa abantu baseMzantsi Afrika kwaye iza kuqhubeka isebenza namahlakani abalulekileyo ukwenza umahluko omkhulu," utshilo uModise.
NgokukaShoprite, eli phulo liza njengoko inkampani yakwaShoprite ikhupha ingxelo yeSouth African Food Security Index yamva nje, eyididiyele neengcali zezoqoqosho zeYunivesithi yaseStellenbosch, ebonisa ukuphucuka okungephi kukhuseleko lokutya kuzwelonke.
Abahlali baKwaZakhele bafumene ukutya okufana neembotyi, irayisi, imakharoni, ihabile, netyiwa – ukunceda iintsapho ezitsala nzima ukuba iikhabhathi zabo zingagoqozi.
Usuku lokutya lwehlabathi lubhiyozelwa minyaka le ngomhla we16 kweyeDwarha kwihlabathi jikelele. Olu suku lumalunga nokujonga kwikamva, luqaqambisa izisombululo zokutya nezolimo ezinokuqinisekisa ukuba wonke umntu, naphi na ehlabathini, uyawonwabela ilungelo lokufumana ukutya okwaneleyo. Umbutho woKutya nezoLimo (FAO) weZizwe eziManyeneyo (UN) ubhiyozele iminyaka engamashumi asibhozo (80) ngomhla we16 kweyeDwarha.
Ethetha ngesi siganeko sibalulekileyo, uQU Dongyu onguMlawuli Jikelele weFAO uthe: "Ukusukela ngo1971, umbutho iFAO kunye namaVolontiya eZizwe eziManyeneyo (UNV) baye bakhulisa intsebenziswano enzulu nenempembelelo esekelwe kumsebenzi okwabelwana ngawo: wokuphelisa indlala, ukuphelisa intlupheko, kunye nokukhuthaza uphuhliso oluzinzileyo ngokuzinikela ngokuvolontiya."