Iindaba

UMchunu uziphendulele kwizityholo abekwa zona

Cwayita Nondula|Published

Umphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu enika ubungqina bakhe phambi kwekomiti yasePalamente.

Image: Armand Hough / Independent Newspapers

NgoLwesine uMphathiswa wamaPolisa onqunyanyisiweyo uSenzo Mchunu uphendule okokuqala kwizityholo zobuqhophololo abekwa zona nguMkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi.

Enika ubungqina phambi kwekomiti yasePalamente ephanda ngezityholo zorhwaphilizo ezibikwe nguMkhwanazi kwinkqubo yezobulungisa, uMchunu usikhusele kwisigqibo sakhe sokuchitha iPolitical Killings Task Team (PKTT) kweyoMnga ka2024, kuba kusithiwa khange adibane neenkokeli eziphezulu zamapolisa.

UMchunu ucele le komiti wathi ufuna ukunikwa ithuba lokuzicacisa aphendule izityholo abekwa zona nanjengoko kudala ethule.

UMchunu uqinisekise ukuba nguye obhale umyalelo wokuba ichithwe iPKTT emva kokuba ewujongile umsebenzi wayo, ongahambelaniyo nomgangatho wakhe. Eli libango elakhatywayo nguMkhwanazi noMasemola ngethuba benika ubungqina.

Ngaphambili, uMkhwanazi ebebanga ngelithi lo myalelo ubhalwe ngomnye umntu, kodwa uMchunu ume ngelithi nguye owubhalileyo.

"Inyani yeyokuba ndiye ndahlala phantsi egumbini ndedwa ndabhala lo myalelo. Ndithatha uxanduva lwaloo leta kwaye ndiyayimela," utshilo uMchunu okwadize ukuba wabelana ngayo noogxa bakhe uCedrick Nkabinde noVusi Pikoli.

UMchunu uthe iPKTT ayizange ibe yinxalenye yesigqeba samapolisa. "Bekusoloko kukho umahluko ocacileyo phakathi kweqela kunye necandelo. Amacandelo aba yinxalenye yesigqeba samapolisa," utshilo.

UMchunu uthe iPKTT yachithwa ngenxa yophando olwenziwayo ngo2019 nguMkomishinala kazwelonke ngelo xesha uKhehla Sitole, owaphakamisa ukuba kuvuselelwe amacandelo akhethekileyo aquka icandelo lokubulala nokuphanga.

Uthe ebeneentlanganiso nabaphathi bamapolisa abaphezulu apho athe wavakalisa inkxalabo. "Ndibonise ukuba kufuneka kuqwalaselwe kwakhona izinto ezithile ezifana nePKKT malunga nokujongana nolwaphulomthetho olunobuzaza," utshilo uMchunu.

Enye into iinkokeli zamapolisa ezityhola uMchunu ngayo kukugqithisela igunya lakhe. UMchunu ugxininise ngelithi zange agqithisele ngapha kwegunya lakhe, kwaye akawujongeli phantsi uMgaqo-siseko okanye uMthetho wamaPolisa.

Ephendula kubungqina bukaMkhwanazi bokuba uMchunu wayephandwa, uMchunu uthe wayeyazi ukuba uphandwa ngamapolisa. UMchunu ukwathe 'akananto yakwenza namaqela ezaphuli mthetho'.

UMkhwanazi utyhole uMchunu ngokuba nobudlelwane nosomashishini ongundabamlonyeni uVusimuzi ‘Cat’ Matlala nekuthiwa wafumana ithenda yezigidi ngezigidi esuka kwiSAPS phambi kokubanjwa kwakhe ngezityholo zokuzama ukubulala, phakathi kwamanye amatyala ajongene nawo.

UMchunu unqunyanyiswe nguMongameli uCyril Ramaphosa emva kwezityholo zikaMkhwanazi zorhwaphilizo kwiSAPS nezityholo zokuba uMchunu namanye amagosa aphezulu eSAPS banobuqhophololo.

Uya kuqhubeka enikela ubungqina bakhe namhlanje.