Iindaba

Abaqhubi bezithuthi zabafundi babuyele emsebenzini

Cwayita Nondula|Published

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane ethetha kwindibano ebiphakathi kwabaqhubi bezithuthi zabafundi kunye norhulumente wephondo. Ecaleni kwakhe nguFundile Gade (uMphathiswa wezeMfundo) noXolile Nqatha (uMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu)

Image: EC Office of the Premier

Oonoteksi nabaqhubi beebhasi abathutha abantwana besikolo babuyela emsebenzini emva kokubeka phantsi izixhobo zabo bekhalazela ukungahlawulwa kwemivuzo yabo kangangeenyanga, oku kulandela indibano norhulumente wephondo apho bathethe into evanayo.

Aba baqhubi bathathe isigqibo sokungabathuthi abantwana ngethuba kuvulwa izikolo kule veki ngoMvulo kuba bekhalazela ukungahlawulwa. Esi sigqibo sichaphazele abafundi bakaGrade 12 abamalunga namakhulu asixhenxe abaphuma kwizithili ezahlukeneyo ezifana neOR Tambo Coastal, Alfred Nzo West ne-East, Buffalo City neNelson Mandela Bay, ukongezelela kwabanye abafundi abenza amanye amabanga.

Indibano ebiphakathi kwaba baqhubi bezithuthi zabafundi kunye norhulumente wephondo okhokelwa yiNkulumbuso uOscar Mabuyane ibibanjelwe kwiziko iMandla Makhuphula eMonti izolo, ngoLwesithathu umhla we15 kweyeDwarha 2025. Iintloko zamaSebe ezichaphazelekayo bezikwakho – uMphathiswa wezeMfundo uFundile Gade kunye noMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha.

Ethetha noonondaba emva kwendibano uMabuyane uthe: "Intlanganiso iqhube kakuhle kakhulu ebesinayo nebhunga leebhasi kunye nebhunga leeteksi kweli phondo. Sikholelwa ukuba ngokomsebenzi esiwenze namhlanje [ngoLwesithathu] iingxaki ebesijongene nazo siza kukwazi ukuzinqanda kwaye sifuna isebe lizame ukunyusa umxakatho wosebenza kuba ezinye zezi zikhalazo xa usondela uzimamela zizikhalazo ezifanelekileyo, ewe into yongabhatalwa kwabantu yenye yeengxaki ezibulala uqoqosho lwethu."

Intlanganiso yokusombulula imiba yabaqhubi bezithuthi zabafundi abagqibe ekubeni bangasebenzi ngenxa yokungahlawulwa neminye imiba.

Image: EC Office of the Premier

Uqhubekile uMabuyane wathi, "Iingxaki zokuba abanye baneencwadi ezingaphelelanga, kodwa ikwaluxanduva lukarhulumente kuba xa sifumana ii-invoyisi ezingachanekanga sibaxelele ngexesha kuba umdla wethu kukuqinisekisa ukuba izithuthi zabafundi ziyasebenza kwaye abantwana baya esikolweni."

Urhulumente wephondo uqinisekisile ukuba ubeke bucala imali engaphaya kwamakhulu asixhenxe ezigidi zeerandi (R725 million) kwinkonzo yothutho lwabafundi kulo nyakamali. Esi sixamali siqingqelwe ukuhlawulela abafundi abangaphezu kwekhulu lamawaka (112 000) kwiphondo liphela. Uthi [urhulumente wephondo] ukuza kuthi ga ngoku, basebenzise ngaphezulu kwe70% yohlahlo lwabiwomali.

Nanjengoko bethetha into enye nabaqhubi bezithuthi zabafundi, uMabuyane uthe eyona nto iphambili kubo kukuqinisekisa ukuba abafundi bayabuyela esikolweni.

"Eli lixesha elinzima, abantwana kufuneka baxhaswe kwaye bangaphazanyiswa. Sivavanya into yokuba iingxaki ezikhoyo pha esebeni siza kusebenza nabo, intloko yesebe inikwe umyalelo ocacileyo wokuba ezi zinto bezikade zithathwa njengesiqhelo ayisesosiqhelo, mazilungiswe ngoba aba bantu beeteksi abazukwazi ukwenza iimoto zabo zibe semthethweni xa bengazukubhatalwa ngexesha. Oku kuyasibulala kwezoqoqosho, amathuba emisebenzi adalekayo ayonakala," utshilo Mabuyane.

Eminye yemiba urhulumente wephondo athembise ukuyisombulula ibandakanya ezinye iintlawulo ezicwangciselwe namhlanje, uLwesine umhla we16 kweyeDwarha kwaye ngomhla we15 kweyeNkanga 2025 banqwenela ukuba babe sele beyihlawule yonke imivuzo isebe eliyityala abaqhubi.