Iindaba

'Unotshe!' - batsho abantu ngabafundi abangenamaphepha abavumelekileyo ezikolweni

Cwayita Nondula|Published

ISebe leMfundo esiSiseko lithi wonke umntwana unelungelo lokufumana imfundo.

Image: Independent Newspapers Archives

Abantu kumakhasi onxibelelwano bayaligxeka iSebe lezeMfundo esiSiseko emva kokuba lilungise ingxelo abayichaza njengeneenkcukacha ezingeyonyani, begxininisa ukuba wonke umntwana unelungelo lokufumana imfundo nokuba akanawo na amaphepha. Abantu batyhola iSebe 'ngokuyijongela phantsi imithetho yaseMzantsi Afrika.'

ISebe lezeMfundo esiSiseko lilumkise uluntu ngemiyalezo ethi ibubuxoki ejikeleza kumakhasi onxibelelwano emalunga nemiqathango yokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente, ingakumbi abafundi abangenawo amaphepha.

UMphathiswa weli Sebe, uSiviwe Gwarube, uthi umthetho uthi akukho mntwana unokuvinjwa imfundo ngenxa yamaxwebhu angekhoyo. "Ngokungqinelana noMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (SASA), njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho weBELA ka2024, zonke izikolo zikarhulumente kufuneka zamkele abafundi kwaye zibonelele ngemfundo ngaphandle kocalucalulo lwalo naluphi na uhlobo," utshilo.

Kwingxelo iSebe lithe uSection 5(1) walo Mthetho uchaza ukuba isikolo sikarhulumente masamkele kwaye sibonelele ngemfundo kubafundi yaye masiphumeze iimfuno zabo zemfundo ngalo lonke ixesha lokuhamba isikolo kwabo ngaphandle kokucalula nangayiphi na indlela.

"Ngaphaya koko, uSection 5(1) uyibeka icace into yokuba abafundi mabavunyelwe ukuba baye esikolweni nokuba abanawo amaxwebhu afunekayo," litshilo iSebe kwingxelo.

Injongo yamaxwebhu okwamkelwa kwabafundi ezikolweni.

Image: DBE

Injongo yamaxwebhu okwamkelwa kwabafundi ezikolweni.

Image: DBE

Oku kuthetha ukuba iinqununu nezikolo azinako ukujikisa abafundi kuba bengenawo amaxwebhu asemthethweni afana nezatifikethi zokuzalwa okanye amakhadi ezazisi.

Abantu kumakhasi onxibelelwano babetha amanqindi phantsi. Nazi ezinye zeembono zabo.

Kutshanje, umbutho iOperation Dudula ugxekwe ngephulo labo abalibhengeza lokuthintela abantwana abangabemi bamazwe angaphandle abangenamaphepha ukuba babhalise ukufunda kwizikolo zikarhulumente eMzantsi Afrika ngo2026. Oku kuza emva kokuba lo mbutho ubuvalela abemi bamazwe angaphandle abangenawo amaphepha ukuba bangene kumaziko ezempilo karhulumente.

Urhulumente usoloko ezigxeka ezi nzame zokuthintelwa kwabemi bamazwe angaphandle iinkonzo zoluntu. Omnye umbutho wezopolitiko osoloko ulwela abantu bangaphandle yiEFF kaJulius Malema ekudala igxeka izenzo zeOperation Dudula.