USisa Ngebulana ethetha emsithweni ekuphehlelelwe kuwo iNgcobo Mall.
Image: AB Xuma Municipality
Emva kweminyaka esixhenxe kulindiwe, kude kwacaca ukwakhiwa kweNgcobo Mall. Oku kuqinisekiswe ngethuba kuphethulwa isoyi endaweni ekuza kwakhiwa kuyo udederhu lweevenkile eNgcobo ekuqaleni kwale veki.
Lo ngumsebenzi ekukudala ulindelwe uza kwenziwa yinkampani enkulu ekuthiwa yiBillion Group ekhokelwa sisigwili saseCorhane, eLibode, ekuthiwa nguSisa Ngebulana. USodolophi waseDr AB Xuma Local Municipality ukwamkele ngovuyo olukhulu ukwakhiwa kweNgcobo Mall ngoba iNgcobo iza kuguquka naphakade.
Ingxelo ekhutshwe ekuqaleni kwale veki ithi ziivenkile eziqabele kumashumi amane (41) eziza kuthatha iindawo eNgcobo Mall eza kuxabisa imali ezizigidi ezingamakhulu amabini eerandi (R200 million).
Ulwakhiwo ekulindeleke ukuba luthathe iinyanga ezintlanu kwaye kuthiwa liza kuvelisa imisebenzi eqikelelwa kwiwaka (1000). Kanti xa sekuvulwe iivenkile, imisebenzi eza kudaleka iqikelelwa kumakhulu amathandathu (600). UNgebulana uyichaze iNgcobo Mall njengenyathelo eliza kufunqula uqoqosho ledolophi yaseNgcobo.
"Olu dederhu lweevenkile ayilotyalomali nje kuphela ngoba luza nemisebenzi futhi lo msebenzi uza kubenza abantu baseNgcobo babenebhongo ngendawo yabo. Umasipala naye uza kufumana ithuba lokwandisa iinkonzo ezisiseko," utshilo uNgebulane emcimbini ekuphethulwe kuwo isoyi.
USodolophu waseDr AB Xuma Municipality, uSiyabulela Zangqa, uliqhwabele izandla utyalomali olwenziwe yiBillion Group. "Ngumsebenzi oza kusinceda kwicala lokuphungula intswelongqesho.
"Amashishini amancinci aza kuthatha inxaxheba kulwakhiwo kwaye silindele ukuba kuvuleke namanye amathuba oshishino," utshilo uZangqa emva komsebenzi oza kuguqula ubomi babantu baseNgcobo. Kulindeleke ukuba ulwakhiwo lugqitywe kwiinyanga zokuqala kunyaka ka2026.
Kanti kwiinyanga ezigqithileyo, abantu baseNgcobo benze imingcelele kaliqela bekhalazela ukungakhathalelwa kwedolophi nokungasiwa kweenkonzo ezilalini ngumasipala.