UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu uXolile Nqatha ethetha kumsitho wokunikezelwa kwebhulorho eChebe kuMasipala waseMnquma.
Image: Makhaya Komisa
UMphathiswa weSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu, uXolile Nqatha, unikezele ngebhulorho entsha kuluntu lwelali yaseChebe kuMasipala waseMnquma ngoLwesibini, umhla we14 kweyeDwarha 2025.
This bridge is expected to not only help people from Chebe village but surrounding areas. People have had problems with mobility, especially during bad weather. The handover ceremony had various people in attendance, government officials – from provincial and municipal level, traditional leaders, police, representatives from various organisations as well as the residents.
UNqatha uthethe nabantu baseChebe. "Ndiyavuya ukuba ndifike apha ukuze ndivuyisane nani kwaye yinto ebaluleke kakhulu ukuba sibe lapha namhlanje [ngoLwesibini]," utshilo uNqatha ethetha nabantu abebezimase lo msitho.
"Ezi zinto ziinkonzo, zizinto ezililungelo labantu. Njengokuba silapha singurhulumente wombutho wesizwe, asizanga ukuzokunibonelela, size ukuzokuninika into eselungelweni lwenu ukuze nikwazi ukufikelela kwiinkonzo nobomi benu bube lula, isidima senu sikhuseleke.
"Ngoba xa kungekho bhulorho, kuyanyanzeleka nabantwana xa besiya esikolweni baqale bakhulule phambi kokuba bawele. Abanye bangakwazi ukufikelela esibhedlele kwangethuba ngenxa yemeko yokuba indlela ayilunganga."
Ibhulorho entsha kwilali yaseChebe.
Image: Uthunyelwe
Uthe la ngamanye amanyathelo athatyathwe ngurhulumente ukuzama ukubuyisela isidima soluntu. Ubulele abo bathe bancedisa kule nkqubo: "Siyayibulela intsebenziswano ebesinayo apha, ndikhahlele kakhulu kwiDevelopment Forum, ndibulele umsebenzi eniwenzileyo ukuza kuthi ga ngoku, makusetyenziswane, kubanjiswane. Ilizwe lelethu, nale ndawo yeyethu, ukuze ikwazi ukulunga le ndawo kufuneka sibambisene. Akukho nto yakhe yaphumelelwa ngabantu ukuba bayatsalatsalana," utshilo uNqatha.
Iphondo leMpuma Koloni lidume ngokuba neziseko zophuhliso ezimbi, ingakumbi iibhulorho, apho kuye kwakho iziganeko zokubhubha kwabantu bezama ukuwela. UNqatha ukwanike imbeko kubo bonke abo bathe baphulukana nobomi babo ngenxa yezi bhulorho ziyingozi.
Ilizwe libhiyozela inyanga yezothutho kule nyanga yeDwarha. Kutshanje, ubomi babantu baseMaxesibeni butshintshile emva kokwakhelwa ibhulorho entsha. Abantu belali yaseSihlahleni naseWelakabini babenethuba elide kakhulu benqumla emlanjeni obubeka ubomi babo emngciphekweni ngenxa yebhulorho yezinti ebikhona ngaphambili.
Ebulelela abantu bakhe emva kokwakhiwa kwesi sakhiwo sibalulekileyo, uSodolophu waseMzimvubu, uZukuswa Ndevu, ukwamkele ngovuyo olukhulu ukwakhiwa kwebhulorho ayichaze njengento eza kuguqula indlela abahleli ngayo abantu beelali eziphantsi kukawadi 6.
"Sibulela amasebe karhulumente asakhele ibhulorho eza kudibanisa abantu beelali kutsho kufunquke neentshukumo zoqoqosho. Ingozi yokuwela umlambo xa kune iimvula ezinkulu icuthiwe ngokwakhiwa kwebhulorho," utshilo uNdevu.