Amapolisa akhangela uZikho Ntanjana waseNgolo, eLibode olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseLibode abongoza uluntu ukuba luncedise ekukhangeleni inenekazi elineminyaka engamashumi amabini ananye (21) ubudala, uZikho Ntanjana wengingqi yaseNgolo nowagqityelwa ukubonwa ngoLwesihlanu we19 kweyoMsintsi 2025 malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini ephuma kwikhaya lakhe.
Isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo ubongoza nabani na onolwazi malunga nalapho akhoyo uZikho ukuba atsalele umcuphi uDetective Warrant Officer F. Ntapane ku0789985300 okanye iCrime Stop ku0860010111.