Iindaba

Kuqhekezwe kwindawo ehlala abafundi kwabhubha omnye eNMU

Cwayita Nondula|Published

Kubhubhe umfundi omnye waseNMU waza wonzakala omnye emva kwesiganeko sokuqhekezwa kwendawo abahlala kuyo eSummerstrand.

Image: Nelson Mandela University

Abafundi beYunivesithi iNelson Mandela (NMU) abahlala kwindawo ehlala abafundi eSummerstrand bahlaselwe ngobusuku bangoMvulo ngethuba kuqhekezwa apho omnye othe wabhubha waza omnye wenzakala.

Ezi ndaba ziqinisekiswe ngentsasa yangoLwesibini yiYunivesithi kwingxelo emfutshane.

"IYunivesithi yaseNelson Mandela yothukile kwaye ibuhlungu kakhulu ngesiganeko esimanyumnyezi esenzeke kwindawo ehlala abafundi ngaphandle kwekhampasi eSummerstrand phezolo.

"Abafundi bahlaselwe ngethuba kuqhekezwa kwindawo abahlala kuyo, kwakhokelela ekubhubheni komnye wabafundi bethu, ngelixa omnye wonzakele kwaye ufumana unyango," iqinisekise yathi le Yunivesithi kwingxelo.

Ikwathumele amazwi ovelwano kusapho, izihlobo noogxa balo mfundi ubhubhileyo, kwaye inqwenelele umfundi owenzakeleyo ukuba alulame ngokupheleleyo nangokukhawuleza.

Le Yunivesithi ithi ibonelele ngoluleko lwasengqondweni kubafundi abachaphazelekileyo kunye nabanye abathe bothuswa ngesi sehlo sibi, uncedo luza kufumaneka kwicandelo leYunivesithi iEmthonjeni Student Wellness.

Le Yunivesithi inxibelelana nabasemagunyeni abafanelekileyo kwaye iyaqhubeka nokubonelela ngenkxaso kubo bonke abo bachaphazelekayo ngeli xesha linzima, itsho.