Ingozi yebhasi ibulele abantu abaninzi abanye bonzakala endleleni ebisuka eGqeberha isiya eZimbabwe naseMalawi.
Image: Facebook
Yimiphefumlo yabantu engamashumi amane anesibini (42) elahleke engozini yebhasi izolo. Kuqinisekisiwe ukuba ibhasi ebikhwelise abantu baseZimbabwe naseMalawi ibisuka eGqeberha phambi kokwehla kwengozi izolo eMakhado kwiphondo laseLimpopo.
Ingxelo ithi ibhasi, ebinabantu baseZimbabwe abaninzi, iphume endleleni kwanzima ukulawuleka ukuze kwenzeke ingozi. Amagosa omthetho nawohlangulo asukele kwindawo yesehlelo kwangoko emva kokuhlatywa kwekhwelo. Nangona abanye beswelekile, abanye babalekiselwe esibhedlele ngenxa yokonzakala.
Kulindeleke ukuba inkokeli yephondo, uGqirha Phophi Ramathuba, atyelele indawo ekwenzeke kuyo ingozi emasikizi. Emva kokunikwa ingxelo egcweleyo, uza kuthetha neentatheli. "Ibuhlungu kakhulu into eyenzekileyo," utshilo uRamathuba.
"Ukulahleka kwemiphefumlo emininzi kangaka yinto esingeke sikwazi yokuyichaza ngamazwi. Singurhulumente sithi ngxe kumakhaya abhujelweyo futhi sibanqwenelela okuhle abonzakeleyo," utshilo uRamathuba.
Kukrokrelwe ukudinwa komqhubi okanye ukonakala kwebhasi njengezinto ezingangunobangela wengozi. Ingxelo egcweleyo ingakhutshwa ekuhambeni kweentsuku.